Batshe bangqungqa ababinakufaniswa abantu(7) kwingozi yesithuthi eAberdeen

Ngabantu abasixhenxe(7) abaswelekileyo, batsha bangqungqa de ababinakufaniswa kwingozi yemoto eyenzeke kuhola wendlela uR61 phakathi kweAberdeen neBeaufort West.

Esi sehlo senzeke ngomhla we 02.07.2022 malunga necala emva kwentsimbi yesixhenxe(07:15) kusasa eAberdeen malunga neekhilomitha ezingamashumi amabini(20) ukuya eBeaufort West (eNtshona Koloni).

Isithuthi sohlobo lweOpel Kadett nebesinabakhweli abay(7) sisuka eBeaufort West (eNtshona Koloni) sisingise eAberdeen (eMpuma Koloni) sinabantu abasi-7 abantwana abathathu(3) abantu abadala abane(4)

Kuvakala ukuba umqhubi uphulukene nolawulo lwesithuthi sakhe sabhukuqa, sibulala bonke abantu ebebekhwele kwisithuthi kwindawo yexhwayelo kwaye itshise ngendlela engaphaya kokunakanwa emva kokuba isithuthi singqubane nodonga lweziseko zendlela.

Iimeko ezingqonge unobangela wengozi azikaziwa okwangoku nanjengoko indawo isephantsi kophando ngabasemagunyeni abaquka iSebe lezoThutho likaZwelonke (RTMC) kunye neSAPS yePhondo.

Ityala lokubulala ngokungenanjongo liza kuvulwa e-Aberdeen nguSaps ukuze kuqhutyekwe nophando.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
28 ° C
28 °
28 °
51 %
0.9kmh
43 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA