13.5 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

KUVULWE INDAWO YOKUFUNDELA IZAKHONO MAHALA ENDAWENI YASE NOMPUMELELO

Umfundisi uOnele Phakade kanye nebandla lamasabatha lase Nompumelelo (SDA) emonti liza nenkqubo yokufundisa izakhono (Skills Development) simahla.

Intsusa yalombono yintswela ngqesho nentlupheko eluntwini ingakumbi ulutsha olubonakala lingena kwiziyobiso nasetywaleni.

Elibandla lithi lisuswe nguThixo wabanikeza umbono wokusebenzisa izakhono zabo bazifundise abanye ukuze bakwazi ukuziphilisa ngale misebenzi.

Ngomhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyeKhala ibilusuku lwenkcazelo- banzi nobhaliso lwale nkqubo apho bekubizwe ulutsha lonke noluntu eNompumelelo liyochazelwa banzi ngale nkqubo.

Abantu baseNompumelelo bayivuyele kakhulu le nkqubo, babonise umdla ngokubhalisa ngobuninzi babo.

Ukanti akukho mali izokutshwa ekubhaliseni okanye ekufundeni ezizakhono (skills) njengoko iinkqubo zokufundisa zizoqala kwinyanga ezayo.

USihle Mafanya uthi ” kuzoqalwa ngoku fundiswa abafundela kuthunga nabe nabenisebenzi yezandla.”

Kanti uNdileka Mati ophuma kwisebe lokuphuhliswa koluntu eMonti ebengomnye wezifavakatshi eziyi ngenye yale ncazelo banzi.

UMfundisi u Onele Phakade uthi ” ibandla likhethe lomphakathi wase Nompumelelo kuba nalo lizinze eNompumelelo kodwa lonke uluntu lwase ward 15 luze kule ngqeqesho kuquka ne Ducats.

Uphinde wathi ezingqeqesho zizokunceda kakhulu ulutsha nabantu abadala ekubeni umntu angahlali engenandlela yokuziphilisa kuba imali ayikho, baphinde bazikwazi ukuzi qasha ngokusebenzisa izakhono.

Ezizakhono zenzelwe ukuba kungabikho mntu ojonga komnye, wonke umntu abene ndlela yokufumana isonka ukuze isuke ikati eziko.

Wonke umntu uvumelekile akuna nani elibaliwe wonke umntu uvunelekike ukuba eze.

Ezi zakhono zeze zandla aziphumi namphepha ngokwe (acriditation) kodwa ziphuma nekhephe-khephe elinika ingqiniseko nenkcaza ngenkonzo yoluhlelo.

Kanti ezinye izifundo ezizobakhona ngezombani, Mosaic, plumbling, crop farming, art, company registration, Communications, HIV/AIDS,Project Mangement, Enterprise development, strategic planning.

“Izifundo zizoqhuba kude kube sekupheleni konyaka kuzoxomekeka uba abafundi bakhawuleze babamba into abayifundiswayo” utsho uSihle

U cllr Nwabisa Mcwabeni uqinisekisile ukuba nabantu abadala kanye naba khubazekile bavunyelwe ukubhalisa bapuhlise impilo yabo.

Lengqubo izoqala ngomhla weshumi elinanye (11) kweyeThupha, kwayena izoqubela ngqo kwiHolo lase Nompumelelo kabini nge nyanga.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
13.5 ° C
13.5 °
13.5 °
95 %
2.6kmh
17 %
Wed
22 °
Thu
13 °
Fri
14 °
Sat
19 °
Sun
20 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks