31.9 C
King William's Town
Wednesday, October 1, 2025

Uyaqhuba uRhulumente wePhondo kwezeMfundo

Umphathiswa wesebe lezemfundo eMpuma Koloni uFundile Gade, ubambe ingqungquthela yeentsuku ezimbini yentsebenziswano kwezemfundo e-ICC eMonti.

Injongo yalomsitho ibikukuxoxa nokubona ukuba isebe lingasebenzisana njani namacandelo abucala ukuphuhlisa nokuqhubela phambili iinkqubo zesebe lezemfundo kweli leMpuma Koloni.

UQwase obesisithethi esamkelekileyo uthe injongo yalo mnyhadala kukwabelana ngeenkqubo zokutsala intsebenziswano kunye nokubulela umsebenzi osele wenziwe kulo lonke ubambiswano lwangoku. Wongeze ngelithi bafuna utsala nabo bangeka sebenzisani nabo ukuphohlisa imfundo kweli leMpuma Koloni.

Uthe ingxaki abajongene nazo kwiminyaka endlulileyo kukwenyuka kwenani lwabantwana abayeka isikolo nabangakwazi ukufunda ngenxa yokusilela kolwazi, kunjalo ke lo msitho ucela ebongoza inkapani ezisemacaleni ekuncediseni nokusebenzisana ukunceda abantwana ekufundeni.

UFundile Gade ukwavakalise ukuba babona kufanelekile ukuba bajongisise izixhobo zotyalo-mali ezithi zibenogalelo ekubumbeni ngokutsha imfundo yeli Phondo. Uthe ngoku bafuna ukuba indlela ekunobanjiswana ngayo yokuphuhlisa kwakunye nombono ocwangcisiweyo kapho baza kwazi ukuba zeziphi iindawo ezifuna ukuphuculwa kwemfundo ngakumbi kwiindawo ezisemaphandleni kwaye nokuba leliphi icandelo labucala eliza kunceda.

Ingxelo:Anita Qubula

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
31.9 ° C
31.9 °
31.9 °
21 %
5.7kmh
99 %
Wed
35 °
Thu
14 °
Fri
17 °
Sat
34 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks