24.4 C
King William's Town
Saturday, February 8, 2025

UJub Jub uphindele apho ebevela, ejongene nezityholo zokudlwengula kuquka nokubulala

Kulindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi yaseRhawutini uJub Jub namhlanje xa ejongene nezityholo zokudlwengula, ukuzama ukubulala kunye nokubetha.

UJub-Jub, Molemo Maarohanye, uzinikele ngokwakhe emapoliseni eBrixton ngoLwesine emva kokuba kukhutshwe isigunyaziso sokubanjwa kwakhe. Ukanti isithethi samapolisa aseGauteng uMavela Masondo ungqinile ukuba ityala lihlelelwe uLwesine kwinkundla kamantyi.

Akukacaci ukuba lomfo wakwa Uyajola 9/9 ezizityholo uzenze nini kodwa lowo umtyholayo uyaziwa emapoliseni. Imithombo yamapolisa ekufutshane nophando idize ukuba ukubanjwa kukaJub Jub kuphuma kwityala elivulwe ngusaziwayo kwaye kungekudala kuzakucaca ukuba kutshaphi.

Sithetha nje lomcimbi uphantsi kophando kwaye emva kokuba idokethi lisiwa kwiNPA ukuze lithathelwe ingqalelo, nesokuba umrhanelwa abanjwe,” litshilo ipolisa elingazange livume ukuchazwa kuba lingagunyaziswanga ukuba lithethe naye.

Elibali lisaqhuba…

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
24.4 ° C
24.4 °
24.4 °
62 %
2.7kmh
75 %
Sat
24 °
Sun
26 °
Mon
18 °
Tue
27 °
Wed
40 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks