15.4 C
King William's Town
Friday, December 1, 2023

Baphinde bagubhulula ezivenkile zisithengisela ukutya okumdaka.

Aphinde aqalisa apho ebeyekekhona amalungu eGqeberha Border Policing kunye neSebe lezempilo ukugqogqa iindawo ezithengisa ukutya kumhlaba waseGqeberha.

IArhente ejongene namagama entengiso(brands) kunye neNational Regulator for Compulsory Specifications (NRCS) bavale enye indawo yokubhaka izonka eSanctor ngentsasa yayizolo umhla we 26/07 ngenxa yeemeko zokungacoceki.

Isebe lulinywe indlebe ngomsebenzi ongekho nyulu nomdaka apho bekubhakwa isonka kweli ziko. Malunga nentsimbi yeshumi kusasa(10:00) elisebe ngoncedo lweGqeberha Border Policing, ligqibe ukuba kutyelelwe levenkile nekufikwe ngenene inhyukunhyuku.

Amapolisa awakhange ke alibazise koko ayivala ngoko nangoko. Ivalwa ngabasemagunyeni abafanelekileyo phantsi koMthetho wokuTya, izithambiso kunye nezibulala iintsholongwane, uMthetho wama-54/1972 (ummiselo wama-638 ka-2018) – uchaphazela iimfuno zococeko zokuphatha, ukuthuthwa kunye nokugcinwa kokutya.

Ukanti, izixhobo zokusebenza kuquka noomatshini kunye nezinto zokubhaka ziye zohluthwa.Le yindawo yesibini yokubhaka evalwe kwisithuba seveki ngenxa yemisebenzi engacocekanga nengenampilo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
15.4 ° C
15.4 °
15.4 °
66 %
3.3kmh
54 %
Fri
41 °
Sat
26 °
Sun
27 °
Mon
21 °
Tue
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks