Baphinde bagubhulula ezivenkile zisithengisela ukutya okumdaka.

Aphinde aqalisa apho ebeyekekhona amalungu eGqeberha Border Policing kunye neSebe lezempilo ukugqogqa iindawo ezithengisa ukutya kumhlaba waseGqeberha.

IArhente ejongene namagama entengiso(brands) kunye neNational Regulator for Compulsory Specifications (NRCS) bavale enye indawo yokubhaka izonka eSanctor ngentsasa yayizolo umhla we 26/07 ngenxa yeemeko zokungacoceki.

Isebe lulinywe indlebe ngomsebenzi ongekho nyulu nomdaka apho bekubhakwa isonka kweli ziko. Malunga nentsimbi yeshumi kusasa(10:00) elisebe ngoncedo lweGqeberha Border Policing, ligqibe ukuba kutyelelwe levenkile nekufikwe ngenene inhyukunhyuku.

Amapolisa awakhange ke alibazise koko ayivala ngoko nangoko. Ivalwa ngabasemagunyeni abafanelekileyo phantsi koMthetho wokuTya, izithambiso kunye nezibulala iintsholongwane, uMthetho wama-54/1972 (ummiselo wama-638 ka-2018) – uchaphazela iimfuno zococeko zokuphatha, ukuthuthwa kunye nokugcinwa kokutya.

Ukanti, izixhobo zokusebenza kuquka noomatshini kunye nezinto zokubhaka ziye zohluthwa.Le yindawo yesibini yokubhaka evalwe kwisithuba seveki ngenxa yemisebenzi engacocekanga nengenampilo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
23.1 ° C
23.1 °
23.1 °
79 %
2kmh
83 %
Sat
24 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA