UJulius Malema ukhuphe imiyalelo kubalandeli be-EFF.

By Anita Qubula.

INkokheli ye-Economic Freedom Fighters (EFF) uJulius Malema uthi abo bafuna ukuwushiya umbutho wakhe mabawushiye kwangoko.

INkokheli ye-Economic Freedom Fighters (EFF) uJulius Malema uthi abo bafuna ukuwushiya umbutho wakhe mabawushiye kwangoko.

Oku kuza emva kokuhamba komhlobo wakhe wexesha elide uFloyd Shivambu kwi-EFF ukuze azibandakanye neqela le-MK, neengxelo zokuba amalungu amaninzi mbutho we-EFF anokuwushiya lo mbutho ngenxa yobudlelwano yokusondelelana kobudlwelwano babo ngakowayesakuba ngusekela mongameli uFloyd Shivambu.

UMlema ebekubonakala ukuba ukhathazekile kwaye uyacaphuka kukumka kukaFloyd, wenze intetho kumakhulu abalandeli be-EFF kwiholo yoluntu e-Orlando eSoweto. UMalema uthi okwangoku baza kuzimisela ukwakha lo mbutho kwaye babeke bucala abo bafuna ukusebenzisa i-EFF ukuze bazuze izikhundla.

Ngexesha lwalentetho uMalema ukwabalule ukuba yena akazange athengise ngombutho, akazange agqugule namanye amalungu ecaleni ngamagama abantu kwaye akasokuze awushiye umbono we-EFF wokhulula uluntu kwimbandezelo yezomnotho.

Uninzi lwabantu ebebemamele le ntetho bathi uMalume uberhabaxa ngakumanye amalungu aphambili kwi-EFF kwaye izinto azithethileyo ziyakhubekisa. Abahlalutyi bezopolitiko bakwathe oku kwenzwiwe nguMalema kule ntetho kushiya amalungu amaninzi ethandabuza ubunkokheli bakhe kwaye oku kungqina izizathu ezingakhankanywanga nguFloyd zokuba athathe isigqibo sokuwushiya lo mbutho.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
23.5 ° C
23.5 °
23.5 °
57 %
3.6kmh
86 %
Sun
24 °
Mon
23 °
Tue
23 °
Wed
31 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA