Ukhululwe ngebheyile ye-R5000,00 ugqirha waseKomani owaziwa ngelika Phiwe Jetro Jafta(42) emva kokuba ebanjwe ngamalungu enkonzo yesipolisa ngentsasa yangoLwesithathu umhla we-18/02.
Ngokwengxelo kutyholwa ukuba ngolwesiThathu umhla we 11 kaFebruary 2026, ixhoba elineminyaka engamashumi amabini anesibini(22) ubudala elite kunikela ngempahla yomntwana kugqirha wotyando kuba logqirha enombutho wesisa onceda abantu. Kuvakala ke ukuba ugqirha uye wabo a ubungakanani kunye nomgangatho wempahla leyo ingumnikelo wavakalelwa ze emva koko wathi kwixhoba ucela ukumnika uvavanyo lomzimba wonke simahla njengophawu lokubulela.
Kuthiwa ke ixhoba liye lavuma kwaye uviwo lwaqala. Ixhoba lityhole ngelithi ngethuba ugqirha eqhubeka novavanyo lothuka xa ugqirha etsiba phezu kwalo ezinyanzela kuye kwaye emyalela ukuba angakhali koko athule kuba izigulane zizakumva xa esenza ingxolo naye wathobela. Emva kwesisiganeko ixhoba liqhube latyhola ngelithi lanikwa ivawutsha ukuba lithenge i-morning after pill nanjengoko yonke into yenzeka ngaphandle kwekhondom.
Lo mba ke uye waxelwa emapoliseni wabanjwa ugqirha nanjengoko ngoku ethe wabe ufumana ibheyile kodwa uzakuphinda abuyele enkundleni ngelitokuxoxa.