Kubanjwe abasebenzi bakamaspala iBCM ababini ngobuqhetseba

Umasipala ombaxa weBuffalo City (BCMM) uyakungqina ukubanjwa kwabasebenzi ababini malunga nesiganeko sokubiwa kweentambo zombane, nesisiganeko esenzeke ngorhatya lwangoLwesine njengenxalenye yeenzame eziqhubekayo zokulwa ukonakaliswa kweziseko ezingundoqo kunye nokubiwa kweentambo kumasipala ombaxa wonke.

IQela eliSebenzayo elikhokelwa nguNtsumpa osandula kuqeshwa kwinkonzo zoNyanzeliso loMthetho kuMmandla oPhakathi neLizwe liqhube ujikeleza kwiindawo ezithile ezinobusela bentambo. Malunga nentsimbi ye-22:00 xeshikweni lijikeleza i-Industrial Area yaseDimbaza, eli gqiza lidibene nonogada oye wabika ukusetyenziswe iTLB neveni emhlophe ephawulwe ngumasipala iNissan ukuba iintambo zombane eziphantsi komhlaba ziyabiwa. Ngokokutsho kukanogada, abarhanelwa basebenzisa iTLB ukugrumba besusa ezi ntambo zentambo, ze emva koko zafakwa kwisithuthi sikamasipala. Eliqela ke alikhange lilibazise lalandela EKoneni ze isithuthi eso safunyanwa kwindawo yaseQuzini sinomqhubi. Lo mqhubi utyhole ukuba isithuthi usifumene kumsebenzi kamasipala ohlala kwindawo yaseMasingatha. Eli qela liqhubele phambili laya kutsho kwaMasingatha, nalapho igosa likamasipa liye labanjwa emva kokuba kubhaqwe iintambo ezibiweyo kwigaraji yakhe. Ebudeni bemibuzo, eli gosa latyhola abanye abantu ababini. Emva koko iqela lophando landula ukubabamba nabanye abebekwiindawo ezahlukeneyo eQonce.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
20.1 ° C
20.1 °
20.1 °
92 %
1.9kmh
99 %
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA