23.8 C
King William's Town
Sunday, February 16, 2025

Ukubuyela esikolweni kuyiNkuthazo kuBafundi kunye nakooTishala.

USodolophu woMasipala oMbaxa waseBuffalo City uKhansela Princess Faku ubambene namhlanje noMphathiswa wezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko uMmamoloko Kubayi kunye noMphathiswa weSebe lezeMidlalo, uLonwabo, uBugcisa neNkcubeko uSibulele Ngongo njengenxalenye yokubuyela esikolweni eMpuma Kapa.

Le yiNkqubo eyenzelwe ukuqinisekisa ukuba abafundi banamathuba alinganayo okufunda kulo nyaka wokufunda. Ikwajolise ekukhuthazeni imfundo, ukunika inkxaso abafundi, nokuthethathethana noluntu lwasekuhlaleni ngemiba efana nokhuseleko lwabafundi nootitshala ezikolweni.

Izolo, uSodolophu weSigqeba utyelele kwiSikolo samaBanga aPhakamileyo Imiqhayi, eMount Coke.

Imiqhayi inabafundi abangaphezulu kwamakhulu amane (400) bebonke kwaye isikolo sinootitshala abalishumi kuphela (10).

Esi sikolo sineziseko zophuhliso ezingonelanga, kwaye sifuna ukubiyelwa ngokukhuselekileyo nokulungiswa kwezakhiwo zesikolo. Sikwanalo nomngeni wokunqongophala kootitshala bezifundo eziphambili ezifana neMathematika neeLwimi.

Badinga iilebhu zesayensi kunye nekhompyuter.

“Esi sikolo kufuneka senze amalungiselelo nezinye izikolo ukuze sikwazi ukufumana abafundi abaza kwenza iiMvamvanyo zabo zesayensi ukuze abafundi bakwazi ukufikelela kwiikhompyutha.

“Kungoku nje badinga abanye abafundisi-ntsapho. Nanjengoko isebe lezemfundo eMpuma Kapa liphucuka minyaka le ngokwempumelelo yebanga leshumi, ngokuqinisekileyo izikolo ezifana ne-Imiqhayi azinakushiywa ngasemva kuphuhliso nobuchule,” utshilo uSodolophu weSigqeba.

“Isithili semfundo saseBuffalo City sifumene i-84.4% kwiKlasi yeMatriki ka-2024.

“Kodwa, sihlaba ikhwelo kubaxhasi babucala ukuba bangene bancede ezi zikolo, ingakumbi ezo zasemaphandleni ezifana ne-Imiqhayi ezisoloko zisilela ngasemva xa kuthethwa ngokuqhuba kwezemfundo.”

USodolophu weSigqeba ukwamemelele ukhuseleko lwezikolo kwaye ukuthuthwa kwabafundi kubafundi kufuneka kube ngumba ophambili.

“Asikwazi ukuba nabantwana abancinci abahleli ekhaya okanye bahambe imigama emide ngenxa yokunqongophala kwezithuthi zabafundi. Makubonelelwe ngenkqubo yothutho efanelekileyo kwabo bafundi bahlala kwiindawo ezikude. Le yimiba efuna ukusonjululwa ubuncinane unyaka phambi kokuba kuqale unyaka omtsha wokufunda.

“Ukufumana iziphumo ezigqwesileyo zezikolo, sifuna ootitshala, iziseko zophuhliso ezifanelekileyo ezibandakanya izakhiwo zezikolo nogutyulo. IiLebhu zeKhompyutha, iiLebhu zeNzululwazi, kunye namabala ezemidlalo. Asifuni izisu ezingenanto kubafundi.”

“Imfundo yethu kweli phondo iyaphucuka kwaye namhlanje siyazingca ngokuba nemfundo esisiseko esemgangathweni. Phantsi kobunkokheli beNkulumbuso yeMpuma Kapa uLubabalo Oscar Mabuyane kunye nesikhokelo sikaMphathiswa wezeMfundo uFundile Gade, iphondo leMpuma Kapa lijike umbombo kumba wokubonelela ngemfundo egqwesileyo kubafundi bethu.”

USodolophu oLawulayo uthe ngezipho zezinto zokufunda, uphuhliso lweziseko zophuhliso, kunye neenkqubo zokucebisa abafundi bangenza ngcono. Abafundi base-Imiqhayi namhlanje bafumene, phakathi kwezinye iminikelo, iincwadi, izihlangu zesikolo, iibhegi kunye nee-Sanitary Towels.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
23.8 ° C
23.8 °
23.8 °
75 %
3.1kmh
74 %
Sun
24 °
Mon
32 °
Tue
31 °
Wed
20 °
Thu
26 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks