UKUBUYISELWA KWESIDIMA KWIINTSAPHO EZISWELEYO.

Kwiphulo lweHlabathi lokukhumbula owayesakuba ngumongameli waseMzantsi Afrika uNeslon Mandela, uMasipala iMbhashe uye wathatha amanyathelo okunceda nokutshintsha iimpilo zabantu zibengcono.

Kulo nyaka lo masipala usebenzisane neQonga lezoShishino laseMbhashe ze banike inkxaso kusapho oluye oluhlelelekileyo olwadilikelwa yindlu kunyaka ophelileyo. Olu sapho lunamalungu alishumi elinanye kwaye klwanyanzeleka ukuba luzigcinise etyotyombeni.

Olu sapho lwaye lwachongwa ngamatshantliziyo asekuhlaleni kunye nabahlali abathe baxelela umasipala ngemeko yabo emaxongo. Ngenxa yentsebenziswano kunye nemigudu, olusapho luzakufumana indlu enamagumbi amabini okulala, enefenitshala yekhitshi kunye negumbi lokuphumla kwaze kwafakelwa neTanki.

Njengenxalenye yokubhiyozela isuku lokuzalwa likaNelson Mandela kunye nephulo lokwenza ubulungisa kwimizuzu engamashumi amathandathu anesixhenxe (67 minutes), uSodolophu weSigqeba, uCllr Samkelo Janda, uzakukhokela ooceba, iqonga lezoshishino kunye namagosa ekupeyinteni nakunikezelo lwayo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.2 ° C
17.2 °
17.2 °
84 %
0.5kmh
95 %
Sun
21 °
Mon
21 °
Tue
23 °
Wed
30 °
Thu
32 °

EZITHANDWAYO INDABA