15.6 C
King William's Town
Saturday, April 26, 2025

Ukungaphumeleli ukuhlaziya iilayisensi kukhokelela “ekuwohlokeni” kweziko lemibuzo le-EMS

Isebe lezempilo eMpuma Koloni lithi ukulibaziseka ekufumaneni iilayisenisi zesoftware kukhokelele ekubeni kuvalwe iziko lokutsalela umnxeba kwidolophu yaseMonti.

Isithethi seli Sebe, uSizwe Kupelo, uthe uMphathiswa, uNokosazana Meth, uyalele ukuba kwenziwe uphando emva kokuba amanye amagosa engakwazanga ukuhlaziya iilayisensi eziphelelweyo, ngaphandle kweentsuku ezili-14 zobabalo enikezelwe ngumboneleli weenkonzo, uMicrosoft.

“Ukuwa kweziko lemibuzo kubangelwe kukulibaziseka ekufumaneni iilayisensi nto leyo eqinisekisa ukusebenza kakuhle kwalo,” utshilo.

Nangona kunjalo, uKupelo uthe uluntu lusenakho ukutsalela umnxeba kule nombolo 08000 323 64 okanye kunombolo yomlawuli weziko lomnxeba 043 711 0699.

Uthe uMphathiswa uMeth uyalele intloko ebambeleyo yesebe uSindiswa Gede ukuba axele lo mba kumlawuli-jikelele, kwaye lo mba awudlulisele kwiKomishini yeNkonzo kaRhulumente.

Ikhomishini iya kucelwa ukuba iphande ukusilela kwabanye abaphathi abakhulu ekufumaneni iilayisensi ezifunekayo ukuqinisekisa ukuba iziko lemibuzo lisebenza ngokugqibeleleyo.

“Isebe linqwenela ukucela uxolo kubo bonke abemi abathe bachatshazelwa lolu phuhliso lungathandekiyo malunga neenkonzo zeziko lemibuzo. Oku kujongwa ngeyona ndlela inzima,” utshilo uKupelo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
15.6 ° C
15.6 °
15.6 °
87 %
1.9kmh
35 %
Sat
27 °
Sun
30 °
Mon
33 °
Tue
29 °
Wed
17 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks