11 C
King William's Town
Friday, October 3, 2025

Amaxabiso amafutha kulindeleke ukuba ehle ngoLwesithathu

Abaqhubi beemoto banokulindela isiqabu kwiimpompo zamafutha ukusuka ngoLwesithathu.

Amaxabiso epetroli kulindeleke ukuba ehle nge-R1,78 ilitha ngelixa idizili izakwehla ukuya kutsho kuma-85 eesenti ilitha.

Isithethi sesebe lezamandla uRobert Maake uthi oku kungenxa yokuhla kwamaxabiso e-oyile nto leyo ikhokelele ekwehleni kwamaxabiso eemveliso zepetroleum.

UMaake uchaza uhlengahlengiso lwamva nje lwamafutha: “La maxabiso alandelayo amafutha aya kusebenza ngoLwesithathu we-1 Novemba – omabini amanqanaba epetroli aza kuhla nge-R1.78 yeesenti ilitha; idizili iyakwehla ngama-82 kunye nama-85 eesenti ilitha; Iparafini elayitayo iza kuhla nge-R1.30 yeesenti kumgangatho wentengiso kwaye irhasi iza kunyuka nge-R1.49 yeesenti ngekhilogram.”

“Le rhafu inyuke nge-21.92 yeesenti ilitha nganye kumaxabiso epetroli nedizili. Kukwakho nemfuno ephezulu yerhasi ngenxa yexesha lasebusika kumantla ehemisphere,” wongeza uMaake.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
11 ° C
11 °
11 °
81 %
1.3kmh
99 %
Fri
16 °
Sat
33 °
Sun
24 °
Mon
27 °
Tue
22 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks