Amaxabiso amafutha kulindeleke ukuba ehle ngoLwesithathu

Abaqhubi beemoto banokulindela isiqabu kwiimpompo zamafutha ukusuka ngoLwesithathu.

Amaxabiso epetroli kulindeleke ukuba ehle nge-R1,78 ilitha ngelixa idizili izakwehla ukuya kutsho kuma-85 eesenti ilitha.

Isithethi sesebe lezamandla uRobert Maake uthi oku kungenxa yokuhla kwamaxabiso e-oyile nto leyo ikhokelele ekwehleni kwamaxabiso eemveliso zepetroleum.

UMaake uchaza uhlengahlengiso lwamva nje lwamafutha: “La maxabiso alandelayo amafutha aya kusebenza ngoLwesithathu we-1 Novemba – omabini amanqanaba epetroli aza kuhla nge-R1.78 yeesenti ilitha; idizili iyakwehla ngama-82 kunye nama-85 eesenti ilitha; Iparafini elayitayo iza kuhla nge-R1.30 yeesenti kumgangatho wentengiso kwaye irhasi iza kunyuka nge-R1.49 yeesenti ngekhilogram.”

“Le rhafu inyuke nge-21.92 yeesenti ilitha nganye kumaxabiso epetroli nedizili. Kukwakho nemfuno ephezulu yerhasi ngenxa yexesha lasebusika kumantla ehemisphere,” wongeza uMaake.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
20.5 ° C
20.5 °
20.5 °
83 %
0.8kmh
100 %
Fri
35 °
Sat
28 °
Sun
19 °
Mon
20 °
Tue
16 °

EZITHANDWAYO INDABA