Ukusa iinkonzo eluntwini ngomnye wemiba ephambili oqwalaselwa ngumasipala ombaxa iBuffalo City

By Ongeziwe Ntondini

I-Buffalo City Metro iqalisa inkqubo yokufikelela kuluntu eza kubona ubunkokheli bayo busebenzisana noluntu malunga nemiba yokunikezelwa kweenkonzo.

USodolophu oyiNtloko woMasipala oMbaxa iBuffalo City uMphathiswa uNkosazana Faku uza kukhokela isigqeba salomasipala kunye nolawulo lwaso oluphezulu kwiintlanganiso ebanjelwe kwindawo yeholo laseMdantsane kwawadi 12 kwaNU1.

Wonke umhlali ohlala ngapantsi kwale wadi ubevumelekile ukuthatha inxaxeba kule ntlanganiso ukuzomamela inkonzo abazipathelwe ngumasipala ombaxa.

Usodolophu uchazile ukuba wonke umhlali waseMdantsane uvumelekile ukuba afumane indlu yeRDP xa esamkela imali engapantsi kuka R3.500 kanye nomntu ongapangeliyo.

ISebe lezokuHlaliswa kwaBantu lunikeza abantu izindlu zokubambisa (Temporary Structure) ngelixesha besalinde ukwakhelwa izindlu kwabo babethe batshelwa zizindlu kanye namatyotyombe.

Usodolophu uqinisekisile ukuba wonke umntu oneminyaka eyi-75 ukwenyuka unelungelo lokufumana umbane kamasipala ngesaphulelo sika-85% kanti ukuqala ku-35 ukuyoma ku-74 bafumana isaphulelo sika-65% xabebhalisele inkqubo yokufumana isaphulelo.

Kanti abantu bazoku kutshelwa iibhokisi zombane ezindala bafakelwe ezintsha mahala ngumasipala. Wonke umhlali unelungelo lokwenza i-Affidavit yokucima ityala lombane xa umnikazi womzi engasekho ukuze umasipala afake ibhokisi entsha ngaphantsi kwegama lomnikazi omtsha.

Kune nkqubo ezizovulwa ngumasipala ezizoncedisana nokuphucula impilo yoluntu lwaseMdantsane ukuquka inkqubo zolutsha, ukufikeleleka kwiikhmpyutha ne-Wifi, ukuncedisa abantu ekufuneni imisebenzi, ikiti yabadlali be bhola ekhatywayo kanye nebhola yomnyazi, ukutyala kwanokuphelisa iziyobisi.

Zonke ezi nkqubo zikhutshelwa imali engange R200.000 ekumele abahlali bezikethele ukuba bafuna isetyenziswe njani kubalwa nokwakha i-Library, ukucoca amangcwaba, ipaki kuzo zonke indawo eziquka uwadi 12.

Umasipala uqinisekisile ukuba indlela yegravel elinganiselwe u-8km yase Smile valley seyiqaliwe ukulungiswa kanye nemingxuma kwindlela zemoto phantsi kowadi 12. Umhlaba wokwakhela abahlali ababhalisele izindlu sele uthengiwe ngu masipala kuzobe sekugqityiwe ukuhlela indlela yokwakha xakuphela unyaka ka2024.

UNtobeko Stebelele uqinisekisile ukuba umasipala uzama indlela zokulungisa imigca yemigaqo (Road signs), ukuvala ithaveni ngexesha elifanelekileyo ukungapazamisi abantu, ukuqanda ukuqhuba inqwelo mafutha umntu ephantsi kweempembelelo zotywala.

Uphinde waqinisekisa ukuba kune nkqubo ezovulwa yabantu abafuna ukufunda ukuqhuba emahala kwaye wonke umntu omdala nomncinci uvumelekile ukubhalisela ukuqhuba, inkqubo yokhuselo lwabantwana ezikolweni abafunda kuzo kanye nenkqubo ezofundisa abantu ukuba bazikhusele njani ezindlini kumlilo nobungozi bezinto eziqala umlilo.

UBantu Fadala ovela kwisebe lezoLimo uthembise uluntu ngokubazisela inkqubo zokuba fundisa ngokutyala nokukhulisa imfuyo bazokwazi ukuziqesha baphinde bafumane ukutya.

Eli lithuba lokuba uluntu lubandakanyeke nobunkokheli bemetro kwimiba yokunikezelwa kweenkonzo ezichaphazela iiwadi zabo, benze iingcebiso kwaye bafumane ingxelo.

Inxalenye enkulu yamaphulo ikwabandakanya inkalo esebenzayo apho kuya kubakho amaqela olawulo lwengeniso kwindawo yokuncedisa abathengi ekulawuleni iiakhawunti zabo ngcono kubandakanya ukusombulula imibuzo yokuhlawula kwindawo.

U Zolani Ndlela uthi bazakuncedisa abantu ukuba bafumane izakhono zokuba baqeshwe kwindawo abafuna kuzo imisebenzi kanti abantu abalinganiselwe i-25 bazokusiwa ngumasipala waseBCM kwilizwe laseChina bayokwenza izakhono zeBrick and Block kwi nyanga eziyi-6.

Uphinde waxela ukuba lo masipala unenkqubo zeLearnership ezizothatha minyaka emibini ( 24 months) ebambisene namashishini azokwazi ukuba baqashe aba bantu benza le nkqubo abafana no Mercedez Benz.

Abahlali bakhalile kumasipala ngokuba bacela ukumanyelwa kwizicelo zabo njengoku qoqelwa udoti ngabasebenzi boLawulo lweNkukuma nokufumana iiplastiki zokufaka inkukuma, ukulungiselwa ibala, kunye nokuba kuqashwe abantu balapha kwi wadi yabo emisebenzini ekhoyo.

USodolophu uthembisile ukuba zonke izikhalazo zabahlali zizo phendulwa kodwa azizophendulwa zonke ngexesha elinye ngenxa yobuninzu bazo.

Uthe imali elinganiselwe uR2 million ibekiwe ngumasipala ukuba ilungise umba wezindlu zangasese eMdantsane.

Le nkqubo yokufikelela iza kwenzeka kwiingingqi ezahlukeneyo zeBCM kuwo wonke uSeptemba ukutyelela iindawo ezifana neMdantsane, Bhisho, Zwelitsha, Qonce kunye nakwaTshatshu.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA