IUganda iwuphumelele umdlalo wayo neCongo.

By Siphiwo Boqwana

IiCranes zikwindawo yokuqala kuluhlu K ngamanqaku amane emva kwempumelelo yangoMvulo.

IMpumelelo yeUganda ngoMvulo yenze ukuba eliqela libengapha kweBafana Bafana kuluhlu lwabo nalapho iye yafumana amanqaku amathathu (3) emva kokuphumelela ngamanqaku amabini kwiqanda (2-0) bezibethela iCongo.

Ibiyimpumelelo yayo yokuqala lena iUganda koluluhlu emva kokuba iye yadlala ngokulingana naBafana ngamanqaku amabini macala kumdlalo wokuqala apho kuhlungelwa ukuya eMorocco kwiNdebe yeTotalEnergies Africa Cup of Nations kunyaka ozayo ka-2025.

Emva kokudlala kakuhle ngoLwesihlanu umhla wesithandathu kule yoMsintsi inyanga eOrlando neBafana Bafana bekulindeleke ukuba baphumelele kulomdlalo neCongo.

UAziz Kayondo ufake inqaku kwisiqingatha sokuqala somdlalo, iiCranes zahamba phambili ngenqaku eqandeni kwisiqingatha sokuqala.

Kwisiqingatha sesibini nje phambi kokuba kuphele umdlalo Jude Semugabi ufake inqaku lokuqinisekisa ukuba bawathatha onke amanqaku omdlalo kwimizuzu emihlanu (5) phambi kokuba kuphele umdlalo.

Lempumelelo iyithathe iCranes yayibeka kwindawo yokuqala kuluhlu K, ngoku ihamba phambili ngamanqaku amane kwimidlalo emibini eyidlalileyo.

By Siphiwo Boqwana

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA