7.4 C
King William's Town
Saturday, July 19, 2025

Ukwala uhlahlo lwabiwo-mali lwemfundo ephakamileyo kuyabakhathaza abafundi baseMzantsi Afrika.

By Asemahle Mbete.

UMphathiswa weMfundo ePhakamileyo uNobuhle Nkabane uthe amaqela ezopolitiko alukhabayo uhlahlo lwabiwo-mali lwesebe lakhe akamohlwayi, koko bohlwaya abafundi baseMzantsi Afrika.

Ukholelwa ukuba abantu abafuna ukuba ehle esikhundleni bakhuthazwa kukucalula ngokwesini kunye nokuchasa utshintsho kwimfundo.

UNkabane ebekhuthaza uhlahlo lwabiwo-mali lwakhe kwiBhunga leSizwe lamaPhondo (NCOP) ngoLwesibini umhla wokuqala (01) kweyeKhala 2025, apho uninzi lwamaqela ezopolitiko luthe uyasilela emsebenzini wakhe kwaye akanakuthenjwa ukuba angalawula iibhiliyoni zeerandi.

Nangona kunjalo, uye wakuphepha ukuphendula kwindlela awayiphatha into yokuqeshwa kweebhodi zeSector Education and Training Authorities (SETA), ezithe zamfaka emanzini ashushu.

Nanjengoko umbutho weDemocratic Alliance (DA) ngoLwesibini ufune ukwandisa uxinzelelo kuNkabane ukuba arhoxe okanye agxothwe, uye wafaka isikhalazo ngakuye emapoliseni ngokulahlekisa iPalamente.

Emva kweeyure, uNkabane ebejongene nebhunga le-DA epalamente, nothe kunye nombutho woMkhonto weSizwe (MK) kunye ne-Economic Freedom Fighters (EFF), bagxeka ulawulo lwakhe lwesebe besithi abaluxhasi uhlahlo lwabiwo-mali.

Kodwa uNkabane wazibamba.

“Abalukhabi uhlahlo lwabiwo mali lukaNobuhle Nkabane, ayilohlahlo lwabiwo-mali lukaNobuhle Nkabane olu, luhlahlo lwabiwo-mali lwabantu baseMzantsi Afrika.

Kwiinzame zokuchasa amabango okuba uye wasilela ukuncothula neengcambu urhwaphilizo kwiNational Student Financial Aid Scheme (NSFAS), uNkabane uthe uye enkundleni ukuze arhoxise iR2.5 yezigidi zeerandi kwiOfisi eziqeshiweyo eKapa, nokuyekisa iikhontrakthi zababoneleli beenkonzo zentlawulo abangazisiyo.

“Xa uchasene nenguqu, kuyacaphukisa kakhulu xa ubona ibhinqa eliselula elinjalo likhokela inkonzo enkulu kangaka phambi kwakho.

“Yimpatho embi. Ndiyayiqonda, ndiyayazi ukuba ivela phi, kwaye imbi ngakumbi xa ingumfazi omnyama.”

NgoLwesine, uNkabane uya kwiNdlu yoWiso-mthetho eyokukhuthaza uhlahlo lwabiwo-mali.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
7.4 ° C
7.4 °
7.4 °
86 %
2kmh
0 %
Sat
19 °
Sun
27 °
Mon
18 °
Tue
20 °
Wed
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks