15.4 C
King William's Town
Friday, July 18, 2025

UMboniso weFashoni waminyaka le weLimani Gallery kunye noMasipala waseBuffalo City Metro ube yimpumelelo.

By Asemahle Mbete.

Umboniso wefashoni walo Nyaka weLimani Gallery ibambisene neBuffalo City Metro Municipality, ebibanjwe ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe (27) kweyeSilimela, kulonyaka ka2025, kuphahla lweHemmingways Mall, ube yimpumelelo enkulu.

Lo msitho, unomxholo ojikeleze umbhiyozo wolutsha wefashoni, ubugcisa, kunye nokusungula izinto ezintsha, udibanise abaqulunqi basekhaya, amagcisa, kunye nabachaphazelekayo kushishino ukubonisa izakhono zabo nobuchule.

UXolelwa Majiza, onguManejala Jikelele kuRhwebo, uShishino, noPhuhliso lweCandelo, uvakalise uchulumanco ngentsebenziswano phakathi kukaMasipala waseBuffalo City, iLimani Gallery, iStandard Bank, kunye neHemmingways Mall.

“Sidibanele ukubhiyozela inyanga yolutsha, umasipala waseBuffalo City ebeyivala ngesithonga somsitho wefashoni ,” utshilo.

Ukusebenza neLimani Gallery kuyabanceda aba bayili ukuba bafumane ukuqondwa kwilizwe liphela nakwihlabathi jikelele.”

Lo msitho unike iqonga kubayili basekuhlaleni ukuze babonise umsebenzi wabo, umasipala kunye neLimani Gallery bazibophelele ekuxhaseni italente eselula. Enye yezinto eziye zaqaqamba kulo msitho lithuba lokuba omnye okanye ababini abayili abagqwesileyo babonise kumboniso wefashoni waseDubai, nto leyo ebonisa ukukhula kokuqatshelwa kweshishini lefashoni laseBuffalo City kwinqanaba lehlabathi.

USibusiwe Nodada, oyiCreative Director kunye noMseki weLimani Gallery, uvakalise umbulelo wakhe kwabo bachaphazelekayo abenze ukuba lo msitho ube yimpumelelo.

“Ndiyabulela kusodolophu waseBuffalo City kuba uye waphawula ukuba nantoni na eyenziwa yile ndawo inegalelo kukhenketho lwaseBuffalo City, inegalelo kuphuhliso lwesixeko, ekudaleni amathuba emisebenzi nasekuhombiseni isixeko sethu,” utshilo.

UNodada ukwabulele inkxaso kumaziko emfundo ephakamileyo, amahlakani eendaba, noluntu lwaseMonti.

Impumelelo yoMboniso weFashoni woNyaka weLimani Gallery eBuffalo City bubungqina bamandla entsebenziswano ekukhuthazeni ubugcisa, ifashoni, kunye nokuveliswa kwezinto ezintsha. Njengoko uMasipala waseBuffalo City eqhubeka nokusebenza neLimani Gallery nabanye abachaphazelekayo, sinokulindela ukubona uphuhliso oluchulumancisayo kushishino lwefashoni lwalapha ekhaya.

Ngenkxaso yabachaphazelekayo abafana neStandard Bank, iHemmingways Mall, kunye nosodolophu wase-Buffalo City, iLimani Gallery ikulungele ukuqhubeka nokwenza impembelelo eyakhayo kumboniso wengingqi wobugcisa nefashoni.

Njengokutsho kukaNodada,

“Silapha ngobu busuku ngenxa yabo bonke aba bachaphazelekayo ndibakhankanyayo. Ikamva leshishini lefashoni laseBuffalo City likhangeleka liqaqambile, kwaye imisitho efana neLimani Gallery’s Annual Fashion Show inkqenkqeza phambili.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
15.4 ° C
15.4 °
15.4 °
50 %
4.7kmh
44 %
Fri
15 °
Sat
18 °
Sun
26 °
Mon
20 °
Tue
14 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks