UKWANDISA ULWAZI NGABANTWANA ABAZALWE NGAPHAMBI KWE XESHA

 

Ukuzalwa ngaphambi kwexesha kuthetha ukuba iintsana zibelekwe kwiveki eziphakathi kwamashumi amabini (20) ukuya kwiveki ezingamashumi amathathu anesithandathu (36) kodwa kufanele ukuba zibelekwe kwi veki ezingamashumi amathathu anesixhenxe (37) zokukhulelwa kowasethyini.

Isibhedlele sase Madzikane kaZulu Memorial Hospital KwaBhaca kunye no mnyango we zempilo bezibambe umsitho kwesisibhedlele ukufundisa uluntu ngabantwana abazalwa ngaphambi kwe xesha.

Ngamanye amaxesha kuyenzeka usana luzalwe lino mzimba omncinci,intloko enkulu, ingxaki yamaphaphu okanye luphefumla nzima.

UGqirha u Lwando Mesani ongomnye wo Gqirha base Madzikane uthe olusuku bekumele lubhiyozwe nge 17 kule nyanga yeNkanga nolulusuku olwabekwa kunyaka ka 2011.

UGqirha Mesani ubuye wathi ” Olusuku ibilusuku lokwazisa abazali abazale ngaphambi kwe xesha nabasakhulelweyo, ngobungozi obenza babeleke ngaphambi kwexesha nokuba kumele benze ntoni ukunciphisa amathuba okuzala ngaphambi kwe xesha”.

Abantwana abazalwe ngaphambi kwexesha baye bahlaliswe esibhedlele ixesha elingafaniyo nelabanye ukuze bafumane ukukhula okwaneleyo ,amayeza kunye nonyango olupheleleyo.

Kanti isibhedlele sikhuthaza komama abakhulelweyo bazikhathalele ngokutya ukutya okusempilweni kwaye bangasebenzisi iziyobisi notywala.

U Asiphe Ntshingwa ongomnye wabazali ababeleke phambi kwexesha uthe “abazali bangaphambi kwexesha bangalilahli ithemba bayakhawuleza ukukhula bafane nabanye”.

Omama bayaququzelelwa ukuba bathande ukuhamba ikliniki xabekhulelwe ukunciphisa amathuba okuzala ngaphambi kwexesha.

Umnyango we Home Affairs uthi umzali makangalindi ukuphuma esibhedlele ukuze abhalise umntwana wakhe i certificate sokuzalwa kwaye omama mabafake otata babantwana kwi birth certificate zabantwana ukuze kungasokoli umntwana ekwenzeni i ID xa unina engasekho.

UThamsanqa Kabalaza osuka kumnyango wezemfundo phantsi ko Maspala i Alfred Nzo uthi “isebe liyabaxhasa kakhulu abazali kuba abantwana babalulekile”.

Sisonke sinokunika iintsana ezizelwe ngaphambi kwe xesha uthando olukhulu kunye ne nkathalo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
11.6 ° C
11.6 °
11.6 °
80 %
2.1kmh
0 %
Tue
25 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °
Sat
23 °

EZITHANDWAYO INDABA