Ityala lamadoda asixhenxe (7) ajongene nezityholo zokubulala abantu abalishumi elinesibhozo eLusikisiki, lizakuchotshelwa iveki ezimbini de kufike umhla wamaShumi amabini anesibhozo (28) kweyoMdumba
UMzukisi Ndamase oneminyaka engama shumi amane anesithandathu (46), Siphosoxolo Myekethe oneminyaka engamaShumi amane anesihlanu (45), Aphiwe “AP” Ndende oneminyaka engamaShumi amabini anesihlanu (25), Lwando Antony Abi oneminyaka engamaShumi amathathu aneSithathu (33), Bonga Hintsa oneminyaka engamaShumi amathathu ananye (31), Zenande Paya oneminyaka engamaShumi amathathu anesibhozo (38), noMawethu Nomdlembu oneminyaka engamaShumi amathathu anesixhenxe (36), bajongene namatyala alishumi elinesithoba (19) okubulala nokuba nemipu engagunyaziswanga. kunye neembumbulu.
Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso uLuxolo Tyali uthe ityala lokubulala leshumi elinethoba limalunga nelinye laKwaBhaca elayanyaniswa nomtyholwa.
UTyali uthe xa liqhubeka ityala ngoLwesibini, umtshutshisi unike amagqwetha abamangalelwa/ abatyholwa abathandathu iziqulatho zedokethi. Umtshutshisi waphinda walidlulisela kwinkundla yesithili eli tyala.
UNdamase, owanyula ukuzithethelela, uza kubuyela enkundleni ngomhla weshumi elinesibini (12) kweyoMnga ukuyochaza ukuba ngaba sele egqibile na okubhalwe kwidokethi kwaye uzakube sele ekulungele ukuzithethelela ngomhla obekiweyo.
UNdamase, ekutyholwa ukuba nguye owaphembelela le nyhikitsha yokufa, wabanjwa engaphakathi kwiziko lezoluleko, kungokunje athothoza isigwebo sobomi kunye neminyaka elishumi elinesihlanu (15) ngokubulala nokuphanga.
UPaya noNomdlembu babanjwa eFlagstaff ngomhla weshumi elinesixhenxe (17) kweyeDwarha benemipu emine (4) neembumbulu ekutyholwa ukuba yayisiwa kwezinye iindawo emva kokubulawa kwabantu eLusikisiki.
UNdende noHintsa babanjwe ePort Shepstone, logama uAbi yena wabanjwa eMonti. UMyekethe wabanjwa ngomhla wesixhenxe kweyeDwarha ekhayeni lakhe eMthimde eLusikisiki.
Ukubanjwa kwabo kuza emva kwesiganeko sokudubulana okwenzeke ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kuSeptemba kwimizi emibini eselumelwaneni kwilali yaseNgobozana eLusikisiki nalapho kwabhubha abantu abalishumi elinesibhozo kwaza konzakala abahlanu (5). Bonke abatyholwa bazilahlile izicelo zebheyile.
UTyali uthe urhulumente ukulungele ukuqhubeka nokuxoxwa kwetyala nanjengoko uphando sele lugqityiwe.

