ULUNTU LAKWAWADI-15 EKUGQIBELELENI LWAMAMKELE UNOKONKRAKTHA OZAKUBAKHELA IHOLO LABO ELITSHA.

UMasipala wasePort St Johns (PSJLM) unikezele ngonokontraka ochongiweyo ukuba abakhele iHolo loLuntu kwaWadi 15. Umasipala uye wakhokela le projekthi elindele ukuba izakubonelela uluntu ngendawo ezakubanexabiso kwindibano zoluntu kunye neminyhadala yabahlali kwaWadi 15.

IKontraka enikezelweyo, iKuyozanywa Construction, izakuqala ukusekwa kwesi siza kwisithuba seentsuku ezilishumi elinesine kwaye izakuqesha abasebenzi kwakulewadi.

U-Akhona Nontshiza, umlawuli uvakalise ukuzithemba kubuchule bakhe bokwakha ukunikezela ngeziko elikumgangatho ophezulu kwixesha ekuvunyelwene ngalo eliziinyanga ezintlanu.

Ngaphezu koko, ugxininise ukubaluleka kokuthotyelwa kwemigaqo yabasebenzi kulo lonke ixesha lokwakha, eqinisekisa amalungu oluntu ukuba kukho amanyathelo afanelekileyo okukhusela ukhuseleko lwabasebenzi ukuqinisekisa indawo yokusebenza enobulungisa nenesidima.

Lo masipala uqinisekise abahlali bakwa wadi-15 ukuba uninzi lwabantu abazakuqeshwa kule projekthi ngabantu balapha kule wadi. Ikwaqaqambise ukubaluleka kokuqeshwa kwabantu abakwiwadi kule projekthi yaza kamva yabhengeza ukuba ixesha lokufaka izicelo zeGosa loNxibelelwano loLuntu (CLO) liza kuqala ngomso, umhla wesibhozo (08) kuMeyi ka-2024 ukuya kumhla weshumi elinesithathu (13) kuMeyi ka-2024.

Omnye umba ophambili weprojekthi kukuzinikela ekuboneleleni ngamathuba engqesho kubahlali. Ngokuqesha abasebenzi basekuhlaleni kunye neekontraka, uMasipala akayi kuxhasa uluntu kuphela ngezoqoqosho kodwa uya kuqinisekisa ukuba iprojekthi iyabanceda abo baya kuthi ekugqibeleni basebenzise iholo loluntu. Ukugxila kwimimiselo yezemisebenzi kugxininisa umnqweno onyanisekileyo wokunceda uluntu kunye nokudala i-asethi enexabiso kubahlali basePort St Johns.

 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
21.7 ° C
21.7 °
21.7 °
51 %
5.3kmh
0 %
Tue
20 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA