Lilitha Phenduka.
USapho lwalo mama kumasipala ombaxa wase-BCM eMonti luphakathi kwabaninzi abanengxaki yongqongophalo kokutya okumandla okudweliswe yingxelo yokhuseleko lokutya eMzantsi Afrika.
UPapasho lwe-Daily Dispatch lutyhola ukuba kufumaniseke ukuba ngo-2023, malunga ne-3.7 yezigidi zamakhaya zafumana ukungqongophala kokutya.
Ngenxa yoko, ngeentsuku evekini kule minyaka isixhenxe idlulileyo, eli bhinqa kunye nonyana walo oneminyaka elishumi elinesixhenxe (17) ubudala bebesitya isidlo sakusasa nesasemini e-Sister Aidan Memorial Centre, eDuncan Village, ngeengxoxo ezithi inkxaso-mali karhulumentee ayonelanga njengoko ithenga ukutya nezinye izinto eziyimfuneko.
Ngokwe qumrhu lesalathiso sokufikeleleka kwekhaya, ehlanganiswe yi-Pietermaritzburg Economic Justice & Dignity Group, iinkcukacha zamaxabiso okutya kulo lonke elaseMzantsi Afrika zibonise iindleko zokutya ezixabisa i-R5, 313.22 ngeyoMdumba 2024 ukuyotsho kwi-R120.48 kweyoMqungu 2025.
UMphathiswa woPhuhliso loLuntu uBukiwe Fanta uthe bazama kangangoko banako ukufikelela kwiinkonzo zentlalontle kuyo yonke imimandla, beqinisekisa ukuba abantu abasesichengeni, kubandakanywa abantwana, abantu abadala kunye nabo bakhubazekileyo, bafumana inkxaso abayidingayo.
UAtule Joka, isithethi kuMphathiswa weZolimo uNonceba Kontsiwe, uthe umba wokungabikho kokutya udinga indlela emanyeneyo ephuma kumacandelo ohlukeneyo karhulumente noluntu ukuze kuqwalaselwe. Kwaye eyonanto inegalelo elikhulu ekungqongophaleni kokutya kunye nokungondleki lixabiso eliphezulu lokutya okusisiseko, nto leyo eyenza kube nzima kwabangasebenziyo, abadla umhlala-phantsi nabafumana isibonelelo sezentlalo jikelele ukuba bafumane ukutya okufikelelekayo nokunesondlo.

