Uluntu lwaseBuffalo City lufumana iminikelo ebeluyidinga kakhulu

Isebe lophuhliso loluntu linikezele ngezipho kuluntu loMaspala ombaxa waseBuffalo City ngoLwesihlanu umhla weshumi elinethoba (19)kuTshazimpunzi.

Le minikelo iquka iofisi engesosigxina (mobile office), ithala leencwadi, iimpompo zamanzi ezisebenza ngamandla elanga kunye namatanki ngokubambisene neCawe iChurch of Jesus Christ of Latter Day Saints, kwa MTN, kunye neTurkey Cooperation and Coordination Agency.

UMphathiswa weSebe loPhuhliso loLuntu uLindiwe Zulu, wenze unikezelo ngokusesikweni nge-ofisi engesosigxina kwi-Ihlumelo Foundation, ongumbutho wolutsha ozinze eDuncan Village ebonelela ngendawo ekhuselekileyo, evumelayo nekhuthazayo kubafundi ukuphuma kwesikolo.

Kusenjalo iLuthando Lucas Foundation yona ithi “Ngo-2014 safumanisa ukuba baninzi abantwana abashiya isikolo kumabanga aphakamileyo kwaye iMpuma Koloni lelona phondo lingaqhubi kakuhle elinabantu abangafundanga kakhulu – sayijonga le nto sacinga ukuba, singaba ngabacebisi babo.

Owona msebenzini bawenzayo kukuncedisa abafundi ngeeprojekthi zesikolo kunye nomsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya kwaye babanike ukutya phambi kwexesha lokugoduka. “Oko saqalayo isiseko, sibambisene nabafundi baseWalter Sisulu nabafundi beYunivesithi iFort Hare kwaye sithathe izikolo zasezilokishini nasezilalini ezinamazinga aphantsi okuphumelela imatriki sayibeka ukuya kumyinge wamashumi alithoba ukuya kkwikhululi (90%-100%).

I-Arhente yoPhuhliso yeSizwe i(NDA) ikwanikezele ngetsheki enkulu kwi-Isithembiso Multi-Purpose Organisation, eliqumrhu lasekuhlaleni ukuze ixhase iiprojekthi zayo ezikhokelwa ngabasetyhini kwezolimo kunye nokuphila okuzinzileyo.

Usihlalo we-arhente, uNozabelo Bengu, uthe le nkqubo yokufikelela eluntwini, yayisisicwangciso sokuguqula i-NDA, ukuququzelela, ukuthatha inxaxheba okusebenzayo koluntu olujoliswe ekwakheni ubomi obuzinzileyo, iintsapho kunye noluntu.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
14.7 ° C
14.7 °
14.7 °
75 %
5.5kmh
100 %
Mon
23 °
Tue
24 °
Wed
32 °
Thu
33 °
Fri
33 °

EZITHANDWAYO INDABA