Urhulumente uzokuphehlelelwa inkqubo yokudala imisebenzi ekuzoxamla ulutsha ephondweni

Inkulumbuso yephondo leMpuma uOscar Mabuyane uthi ukusukela ngo nyaka ka 2019, bangaphaya kwamawaka amabini anamakhulu asixhenxe (2 700) abantu abathe baxhamla kwinkqubo ye UIF LAP kweliphondo leMpuma Koloni.

Ethetha kumsitho wokuphehlelela iinkqubo zesicwangciso zokudala amathuba emisebenzi kwi holo i-ICC eMonti ngoLwesihlanu umhla weshumi elinethoba kuTshazimpuzi uMabuyane uthe, basebenza kanzima ukuzama ukunciphisa intswela-ngqeshesho. Esithi ke uyakholelwa ukuba imisebenzi efana nalenkqubo inceda kakhulu ukulwa intswela-ngqesho.

Uthi iphondo linoxanduva lokungenelela ukuvala umsantsa wokuba nqongophala kwezakhono ephondweni obonakala ungumqobo kuluntu ntoleyo ebangela ukuba abantu bangaqashwa. Esithi ke lenkqubo ivule amathuba okuba abantu baphuhlise izakhono zabo kwa SETA kule minyaka mihlanu idlulileyo nalapho kuthe kwaxhamla abantu amangamashu amabini amawaka (29 000) ephondweni.

“Kungekudala sizakuphehlelela ezinye iinkqubo noSETA apho kuzokuxhamla abantu abatsha abathe kratya kwishumi lamawaka (10 000) labantu abatsha. Ndingatsho ukuba sisengela thungeni linye ukuxhobisa abantu bakuthi ngezakhono nezixhobo ezingundoqo khona ukuze babe negalelo nenxaxheba kuphuhliso lephondo, ukuba besifana nalamaphondo mamcinci ngabe sikhwebela abantu bonke kumabala ezemidlalo ndaweni nye, nto nje kwelethu iphondo kufuneke sihambe imigama engaphaya kwamashumi asibhozo amakhulu (800) ukusuka eNtshona ukuya eMpuma yaseMpuma Koloni nokusuka eMtla ukuya kuMzantsi wephondo, lonto ke ayikho lula” utshilo uMabuyane

Nangona kunjalo uthe bazakuthatha ezinkqubo bazise kwizithili de zifikelele kuluntu ngokubanzi ephondweni. Esithi ke bathe qwa kungoku nje ukuba ezinkqubo zingapheleli koomasipala abambaxa ababini ephondweni kodwa zifikelele kuluntu lwasemaphandleni ngokubanzi.

UMabuyane uthi umasipala wesithili saseAlfred kunye ne OR Tambo ngabona bathwaxwa kanobomi yintswela-ngqesho kwilizwe liphela. Esithi ke ngoyena mncedi-mngeni iphondo elijamelene nawo. Ukwathe urhulumente akakwazi ukuyibethisa ngoyaba lengxaki. Ekwanxusa kananjalo kumphathiswa uNxesi ukuba ezinkqubo ziyokufikelela kwiindawo ezisemaphandleni

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
24.5 ° C
24.5 °
24.5 °
69 %
4.3kmh
60 %
Sat
22 °
Sun
18 °
Mon
22 °
Tue
19 °
Wed
30 °

EZITHANDWAYO INDABA