Amapolisa aseMdantsane eMonti akhangela indoda ekutyholwa ukuba ibulele ibhinqa yaze yalingcwaba egumbini layo, emveni koko yaduka.
Igama lale ndoda nguLeo, ityholwa ngokubulala ibhinqa kwa-NU13 eMdantsane ngoLwesihlanu we-19 kaJulayi 2024 yaze yamngcwaba kwiflethi ekuloo yadi. Umzimba weli bhina wafunyanwa emva kweentsuku ezintlanu (5) ngunyana wakhe ngenxa yevumba elibi.
Unyana welibhinqa waze wanxulumana nampaolisa akufuphi kwavulwa ityala lokubulala. Amapolisa nawo angqinile ngesi siganeko kwaye athi ityala livuliwe.
ISithethi samapolisa eMpuma Koloni, uKapteni Hazel Mqala uthe: “Amapolisa aye abizelwa kwindawo yexhwayelo ngoLwesithathu umhla wamashumi amabini anesibini (24/07) kweyeKhala 2024 malunga nokubhubha kwindlu ekwaNU13, eMdantsane.
“Ekufikeni kwathu sadibana nendoda ekwiminyaka yamashumi amabini yazazisa njengonyana womntu ekurhaneleka ukuba ubhubhile. Emva koko waxelela ipolisa ukuba ugqibele ukumbona umama wakhe ngoLwesihlanu, 2024-07-19.”
Kuphando, bafumanisa umzimba obolileyo phantsi kwebhedi endlwini yakhe.
Ityala lokubulala livuliwe, kwaye uphando lusaqhubeka. Akukabanjwa mntu.
Nceda kufunyanwe le ndoda kwaye ubize amapolisa, uyingozi kakhulu.

