UMakro uzakuvula iVenkile yamashumi amabini amathathu (23) eGqunube, eza neMisebenzi neXabiso eMpuma Kapa.

By Siyakholwa Vuso.

IMassmart’s Makro kulindeleke ukuba ivule ivenkile yayo yamashumi amabini anesithathu (23) ngomhla wamashumi amabini anesithathu kuTshazimpuzi, ngeli xesha eGqunube, eMonti. Eli lixesha lokuqala uMakro evula ivenkile entsha ukususela ngo-2019, kwaye olu lwandiso luzisa ixabiso elunwini.

Imi kwelinye lamaziko amashishini akhula ngokukhawuleza eMpuma Koloni, le venkile intsha iza kunceda iintsapho zasekuhlaleni, oosomashishini, kunye namashishini asekuhlaleni, kwakunye nabakhenkethi, beqinisa ukuzibophelela kolu shishino ekuhlangabezaneni neemfuno zabathengi.

Ekubeni ethathwa njengowona mthengisi ufikelelekayo kwibhaskithi yegrosari eyimfuneko kuninzi luka-2024 ngokophando oluzimeleyo, ivenkile kaMakro iza kuzisa lo mnikelo wokutya okutsha kuluntu ngaphandle kokubeka esichengeni kumgangatho. Amanye amasebe aphambili aquka impahla, ele-electronics, nezixhobo zombane, ezemidlalo, izixhobo zasekhaya kunye nefenitshala, i-DIY, iithoyi, kwakunye notywala, eziya kunikezelwa kwivenkile yotywala ezimeleyo ekufuphi nevenkile enkulu.

Abathengi abakule ndawo baya kuba nakho ukuthenga nge-App yakwa-Makro kunye neWebsayithi, kunye nenketho yoku-odola kwi-intanethi kwaye bathathe ngosuku olulandelayo okanye bacele ukuhanjiswa kwiintsuku ezimbini (2).

“Siyavuya ukuphehlelela eyona venkile yethu intsha yakwaMakro eMonti,” utshilo uDuval van Rhyn, uSekela Mongameli wethutyana wakwaMakro.

“Eli linyathelo ekudala sisebenza kulo, nelicelwe kakhulu ngabathengi kule ngingqi. Sikwanebhongo ngokudala imisebenzi emitsha engaphaya kwama-200 kule venkile, sibenegalelo elingaphaya kuqoqosho lweli.”

Ukubhiyozela ukuvulwa okukhulu, abathengi banokulindela ukunyuselwa okukhethekileyo kunye namava evenkile. Le venkile imiselwe ukuba ibe yeyona ndawo iphambili yokuthengisela abathengi balapha ekhaya, amashishini kunye nabakhenkethi, ibethelela ubukho bolu phawu eMpuma Kapa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
17.5 ° C
17.5 °
17.5 °
92 %
2kmh
97 %
Sun
20 °
Mon
21 °
Tue
22 °
Wed
30 °
Thu
24 °

EZITHANDWAYO INDABA