11.9 C
King William's Town
Friday, October 3, 2025

UMantashe ubongoza amalungu ePalamente ukuba axhase uphando lwamapolisa kubukrelemnqa.

By Buhle Nomgalasa.

UMantashe uthi abo batyholwa ngobugwenxa nguMkomishinala waKwaZulu-Natal uNhlanhla Mkhwanazi ngoku bazakukwazi ukuphendula kwizityholo zobuqhophololo nokungenelela bahlambe namagama abo.

UGwede Mantashe ubonakale okokuqala ePalamente njengebambela lomphathiswa wamapolisa ngoLwesine, umhl weshumi elinesixhenxe (17) kweyeKhala 2025, nalapho ebebongoza amalungu ukuba axhase ikomishoni yezomthetho ephanda ubukrelemnqa.

UMantashe uthi abo batyholwa ngobugwenxa nguMkomishinala waKwaZulu-Natal uNhlanhla Mkhwanazi ngoku bazakukwazi ukuphendula kwizityholo zobuqhophololo nokungenelela bahlambe namagama abo.

UMantashe ebesenza uhlahlo lwabiwo-mali lwamapolisa kwiBhunga leSizwe lamaPhondo (NCOP) ngoLwesine, umhla weshumi elinesixhenxe (17) kweyeKhala 2025. UMantashe, ongumphathiswa wezimbiwa nepetroleum, uchongwe njengebambela lomphathiswa wamapolisa emva kokuba uSenzo Mchunu ebekwe kwikhefu elikhethekileyo.

Uthethe neNCOP okokuqala kwindima yakhe yokubambela kwaye akazange achithe xesha ethetha nekomishoni yophando. Uthe intetho yakhe yeNCOP ifike kanye ngexesha iinkokeli zamapolisa “ziphantsi kovavanyo” kulandela izityholo ezivezwe nguMkhwanazi.

“Ezi zityholo zixhalabisa kakhulu, kwaye siyasamkela isibhengezo esenziwe ngobekekileyo, uCyril Ramaphosa, sekomishoni yophando ukuba iphande ngokucokisekileyo lo mba uphakanyisiweyo.”

URamaphosa uthe umgaqo obalulekileyo wale komishini kukuba abo batyholwa ngoku bazakuba nelungelo lokuhlambulula amagama abo kwaye baphendule kwizityholo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
11.9 ° C
11.9 °
11.9 °
81 %
5.9kmh
65 %
Fri
12 °
Sat
31 °
Sun
24 °
Mon
26 °
Tue
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks