11.9 C
King William's Town
Friday, October 3, 2025

Amapolisa afumene umzimba wentwazana ena-12, eBethelsdorp.

By Esona Magawana.

INkonzo yesiPolisa yaseMzantsi Afrika eBethelsdorp ihlaba ikhwelo kuluntu lommandla wase-Extension 31 eBethelsdorp ngalo naluphi na ulwazi olunokubanceda kuphando lokubulawa kwentwazana eneminyaka elishumi elinesibini (12) ubuncinci.

Ngokweengxelo zokuqala malunga nemizuzu engamashumi amane anesihlanu emveni kwentsimbi yeshumi elinesibini (12:45) izolo, umhla weshumi elinesithandathu (16) kweyeKhala 2025, iSAPS eBethelsdorp iye yasabela kwisikhalazo kwindawo enetyholo, kwisitalato iFoxglove, Extension 31. Ekufikeni kwabo bafumana umzimba wentombazana eneminyaka elishumi elinesibini (12) ubuncinci kunye nokulimala okubonakalayo.

Okwangoku isizathu sokufa asikaziwa kwaye siza kujongwa ngexesha lokuhlolwa kwesidumbu.

Akukho lwazi lungaphaya lukhoyo, kwaye injongo kunye nomrhanelwa ayaziwa. ISAPS Bethelsdorp ivule ityala lokubulala, kwaye uphando lusaqhuba. Igama lomfi lizakuphuma emva kokuba echongiwe ngokusesikweni.

Amapolisa abongoza nabani na onokuba nolwazi malunga nesi sikrelemnqa ukuba atsalele umnxeba uD/WO Allison Adams ku-082 464 0208 okanye uCrime Stop ku-0860010111 okanye atsalele isikhululo samapolisa esikufutshane. Lonke ulwazi luyimfihlo, kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
11.9 ° C
11.9 °
11.9 °
81 %
5.9kmh
65 %
Fri
12 °
Sat
31 °
Sun
24 °
Mon
26 °
Tue
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks