Umasipala ombaxa uthi uzakubhenela ezinkundleni ukufumana isigwebo esiqala kwabo bahlamba iimoto kunxweme ngokungekho mthethweni

Umasipala ombaxa waseBuffalo City uqinisa iinzame zawo zokukhawulelana nokuhlanjwa kweemoto ngokungekho mthethweni kunxweme lwaseMonti.

LoMaspala usoloko uqhuba amaphulo okuphelisa lo msebenzi ongekho mthethweni. Kwiziganeko ezininzi, abahlambi beemoto babanjelwa izenzo zolwaphulo-mthetho ezahlukeneyo kwaye bathinjelwe izixhobo zabo ngeli lixa abaqhubi bezithuthi behlawuliswa.

Nangona kunjalo, kutsha nje uMasipala oMbaxa uphawule ngenkxalabo yokuba isohlwayo seekhulu leerandi (R100) ngesithuthi ngasinye njengoko kuchaziwe kwiMithetho kaMasipala asibathinteli abaqhubi. Kwaneebhodi zemiqondiso ezilumkisayo ngokuhlanjwa kweemoto ziye zaphazanyiswa.

Isithethi sesiXeko uSamkelo Ngwenya uthe umasipala ombaxa uzakuya ezinkundleni ukuze afumane izohlwayo ezinzima eziquka ukubanjwa kwemoto kunye neendlela zokuvalelwa. Ukanti indlela ebandakanya amaqela amaninzi ebandakanya amaSebe aseBuffalo City afanelekileyo axakeke yinkqubo.

“Owona mceli mngeni mkhulu kukuba unxweme lwethu lutshatyalaliswa ngesazela nangebom ngabaqhubi abatyisa olu lwaphulo-mthetho ngokuzisa iimoto zabo ukuze zihlanjwe.

“Oku kuneempembelelo ezimandla kukhenketho kwaye kuyabatyhafisa abantu ekubeni bonwabele ubuhle bendalo bendawo eselunxwemeni lwethu.” Utshilo uNgwenya.

“Ikwakhuthaza ulwaphulo-mthetho oluxhaphakileyo ngeli lixa uthungelwano lweendlela lutshatyalaliswa.”

UNgwenya uthe iqela lezokhuseleko elikhokelwa yiNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika, iBuffalo City Law Enforcement Services kunye nesebe lamagosa ezendlela izakuqhuba nomsebenzi wayo wokuphelisa nya lomkhwa.

“Siza kuqhubeka sisebenza nabo bonke abachaphazelekayo kuquka amashishini asekuhlaleni kunye neeforam zothintelo lolwaphulo-mthetho ekuhlaleni ukuze siwubambe lo mba kodwa lixesha lokuba sigxininise kubanini beemoto.” uvale ngelitshoyo kwingxelo yakhe

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
20.1 ° C
20.1 °
20.1 °
92 %
1.9kmh
99 %
Sat
27 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
28 °

EZITHANDWAYO INDABA