15.6 C
King William's Town
Saturday, April 26, 2025

Bathathu abantu ababhubhile kudushe loonoteksi lwamva nje kwisithuba seeyure ezingamashumi amathathu

Umphathiswa wesebe lezothutho eMpuma Koloni uXolile Nqatha ukugxeke kabukhali ukuqhambuka kobundlobongela nokubulawa kwabantu okuchaphazela ishishini leeteksi ingakumbi kwimimandla eseMpuma yephondo. Bathathu bebonke abantu ababhubhileyo kwezi yure zingamashumi amabini anesine (24), nalapho kuthe kwabikwa uhlaselo lwemipu phakathi kweMaclear noTsolo phezolo naseMthatha ebutsheni banamhlanje.

Olu hlaselo lwenzeka kwisithuba nje seenyanga ezimbini emva kokuba uMphathiswa uNqatha edibanise phantsi kophahla olunye amaqela alwayo ephondweni kwiingxoxo ezithile zoxolo kunye nokutyikitywa kwesivumelwano soxolo. UMphathiswa uNqatha uluchaze udushe lwakutsha nje njengolujongela phantsi isivumelwano, oluluhlaselo lwenginginya yabantu baseMpuma Koloni abaxhomekeke kwiiteksi mihla le.

“Eyona njongo yethu iphambili kukuqinisekisa ukhuseleko loluntu ngokubanzi olusemngciphekweni wokuzibhaqwa lusengozini, logama amapolisa ezama ukubamba abenzi bolwaphulo-mthetho,” utshilo uMphathiswa uNqatha.

UMphathiswa uNqatha uthi isebe alifuni kungena kwizigqibo ezingaziwayo malunga nokunyhashwa kweSivumelwano soXolo malunga neziphumo ezinjengokuvalwa kweerenki kunye nokurhoxiswa kwamaphepha-mvume.

“Ukusebenza namapolisa sijonga ngokusondeleyo kuyo yonke imiba yolu hlaselo. Asizukulahla nantoni na, siya kuphonononga yonke into enokwenzeka ukuze sikhululeke kuso nasiphi na isigqibo esisithathayo kunokuba siphendule ngedolo. Nangona kunjalo, sifuna ukuqinisekisa uluntu ukuba asizukuthandabuza ukuthatha amanyathelo xa kukho imfuneko enyanzelekileyo,” uvale ngelo uMphathiswa uNqatha.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
15.6 ° C
15.6 °
15.6 °
87 %
1.9kmh
35 %
Sat
27 °
Sun
30 °
Mon
33 °
Tue
29 °
Wed
17 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks