26.4 C
King William's Town
Sunday, July 20, 2025

UMasipala oMbhaxa weSixeko saseBuffalo City udibene nabahlawuli-rhafu.

USodolophu weSigqeba soMasipala ombaxa waseBuffalo City, uCeba Princess Faku, ubambe enye indibano ngale ntsasa nabahlawuli berhafu.

Intlanganiso ibikunye neenkokheli zeRate Payers Association zaseBeacon Bay, eQuigney, eBaysville naseGonubie.

Injongo yale ntlanganiso kukunxibelelana ngamaxabiso ombane kunye nokucacisa imiba emalunga nenkqubo yokuvunywa kohlahlo lwabiwo-mali.

Abanye ebebezimasile ngamalungu eKomiti kaSodolophu, ooCeba beewadi kunye nolawulo lukaMasipala olukhokelwa nguManejala weSixeko.

Iqela leminye imiba enxulumene nonikezelo lwenkonzo iye yaphakanyiswa yaze yaphendulwa, ngelixa eminye yaphawulwa.

Ngexesha lentlanganiso, uSodolophu oLawulayo uFaku ugxininise ukuba uyafikeleleka kwaye uhlala ezimisele ukumamela iinkxalabo zabantu bethu.

Ngelixa besabelana ngezinto ezibaxhalabisayo, abahlawuli-rhafu bakwavakalise umbulelo kwiSixeko ngokuzibophelela ekuqhubekekeni kothethathethwano nabo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
26.4 ° C
26.4 °
26.4 °
23 %
5.5kmh
66 %
Sun
27 °
Mon
21 °
Tue
12 °
Wed
23 °
Thu
27 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks