Ilungu lePalamente le-African National Congress (ANC) uZizi Kodwa urhoxile njengelungu lePalamente.
Kwingxelo yakhe, uNobhala Jikelele we-ANC uFikile Mbalula uthi ufumene isicelo sokurhoxa kukaKodwa njengelungu lePalamente ngoLwesithathu.
UKodwa ebevele ekuqaleni kwale veki enkundleni ngezityholo zobuqhophololo, laze ityala lakhe lahlehliselwa umhla wamashumi amabini nanye kweyeThupha.
UMbalula uthi isicelo sikaKodwa sokurhoxa ngoko nangoko uyasamnkela kwaye umbutho ukwamkele ukurhoxa kwaye umnqwenelela okuhle kodwa uKodwa.

