INkundla ePhakamileyo yasePitoli ibhengeze ukuba amacandelo oMthetho wezeMpilo awahambelani nomgaqo-siseko.
Oku kunxulumene nomba we-Inshurensi yezeMpilo yeSizwe (i-NHI) efuna ukuba iSebe lezeMpilo likhuphe isiqinisekiso sesidingo. Injongo yoku kukulawula apho oogqirha kunye nabasebenzi bezonyango banokusebenza khona xa sele iqalile inkqubo.
Ubuncinci abafaki zicelo abasibhozo (8) abaquka iSolidarity, iAlliance of South African Independent Practitioner Associations, iSouth African Private Practitioner Forum kunye neHospital Association of South Africa – baye enkundleni.
Bayiphikise ngempumelelo le nkqubo besithi kuMphathiswa wezeMpilo, isebe kunye noMongameli Cyril Ramaphosa le nqkubo ayihambelani konke-konke nomgaqo-siseko.