20.2 C
King William's Town
Wednesday, March 26, 2025

UMASIPALA WASEKUMKANI MHLONTLO UBUBAMBE INTLANGANISO.

USodolophu woMasipala weNgingqi iKumkani Mhlontlo kanye nesigqeba sakhe bebe bambe intlanganiso kwilali yaseMzuzanto kuQumbu ngomhla wamashumi amathathi nanye (31) kweyeKhala 2024.

OoCeba abangamashumi amathathu anesithathu (33) bebedibene kule ntlanganiso ukubamba iingxoxo ngemisebenzi eyenziwe kulomasipala.

Usodolophuu Mbulelo Jara uchaze ukuba ukuqala ukusetyenzwa kuphazanyiswe  lulwabiwo-mali kodwa waqinisekisa ukuba uye wabhalela kwisebe lezemali ezintsukwini ezilishumi elinesine ezidlulileyo.

Uthe “urhulumente kungona azakuzise iimfuno zabahlali ezingundoqo eziquka kuzo iindlela, amanzi, imfundo, kunye nemisebenzi.”

Ukanti amalungu oluntu ebevumelekile ukuthatha inxaxheba kulendibano, batsho izikhalazo nezimvo zabo. Ikumkani uBonginkosi Sintu ikhalaze kakhulu ngokungabikho kombane owamoshakala kunyaka ophelileyo kwimizi embalwa kanye nowakhe.

Logama uNomvuyiseko Mbanjwa kanye nabanye abahlali bakhale ngokunqongophala kwamanzi nendlela ezingekagqitywa ulungiswa.

Kusenjalo omnye wabahlali ucele kumasipala ukuba baziselwe amathuba omsebenzi noba yimisebenzi yezandla  kunye nezindlu ze-RDP. Umasipala uveze ukuba uhlahlo lwabiwo mali lusetyenziswe ngendlela efanelekileyo ekhankanya imali efikelela kwi-R68 million esetyenzisiweyo kwi-R69 million ebebeyinikiwe.

Kanti ulutsha  lwakuTsolo licele ukunikwa ithuba lokusebenzisa umhlaba ukupuhlisa indlela yokuphila, umasipala ubanikeze iminyaka elishumi ukwenza lomsebenzi.

U-EPWP yena uzokuvula amathuba omsebenzi alishumi elinesihlanu ngesivumelwano senyanga ezisixhenxe.


 

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
20.2 ° C
20.2 °
20.2 °
48 %
3.4kmh
0 %
Wed
25 °
Thu
23 °
Fri
25 °
Sat
29 °
Sun
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks