14.4 C
King William's Town
Thursday, March 27, 2025

UMamntlane uwongwe ngendlu entsha yiNkulumbuso yePhondo.

INkulumbuso yePhondo leMpuma Koloni uOscar Mabuyane, udlulise ngendlu kuMama wakuGatyane kwaNokhala.

UMabuyane obehamba neqela leSebe lokuHlaliswa koluntu bathe kuba bekuvalwa inyanga yalowo wayenguMongameli woMzantsi Afrika uNelson Mandela, badlulisa ngendlu kumama ongathathi ntweni kwilali yakuGatyane, kwaNokhala. UMabuyane uthe, benze oku ngenxa yokubona isimo esibuhlungu sentlupheko sikamama kumakhasi onxibilelwano, baye baqonda ukuba mabangenelele njengorhulumente ekumakheleni indlu.

Ukwathe, baninzi abantu abazokwakhelwa izindlu, kwaye iintsapho ezi zokuxhamla ekunikezweni kwezindlu zilishumi elinesithathu (13). Wongeze ngelithi kune projekithi ezokwakha izindlu ezingamakhulu amabini anamashumi amahlanu (250) zabantu abangathathi ntweni kunye nabantwana abazinkedama.

Le nkondekazi ifumene indlu ezele impahla yawo onke amagumbi, isofa neebhedi kodwa okusilelayo okwa ngoku kukusebenza kombane.

UMama lo waziwa njengoMmntlane kumakhasi ezinxibelelwano, kwaye uye avele kwikhasi lomzukulwana wakhe. L enkondekazi idume ngokuhlekisa kunye nokonwabisana nomzukulwana wayo.

Kwintsuku ezidlulileyo, abantu aba ngabalandeli bomzukulwana wakhe kwikhasi lonxibelelwano uTik Tok, baye bampha izipho ezifana nemali, ukutya kunye nempahla yasekhitshini kwane yokunxiba.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
14.4 ° C
14.4 °
14.4 °
90 %
1.9kmh
19 %
Wed
14 °
Thu
23 °
Fri
26 °
Sat
28 °
Sun
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks