Umasipala wesithili sase OR Tambo ukhuthaza intsebenziswano phakathi koomasipala kunye namajelo eendaba

UMasipala weSithili sase-O.R. Tambo kwingxelo yakhe uthi uza kubiza imbizo yoNxibelelwano lweSithili (i-DCF) ezayo, idibanisa oonxibelelwano abavela kooMasipala baseKhaya, amasebe amacandelo kunye namaqonga eendaba zoluntu asebenza kuso sonke isithili ngomhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kweyoKwindla kulamaspala.

Lomapsipala uthi olu nxibelelwano lubalulekileyo luza kugxila ekuqiniseni ulungelelwaniso ekudluliseleni ulwazi lokunikezelwa kweenkonzo kuluntu kuso sonke esasixeko.

Okokuqala ngqa, lembizo iza kuhlanganisa izikhululo zerediyo zasekuhlaleni, amajelo eendaba ashicilelweyo kunye namanye amaqonga eendaba ukuze kudityaniswe ulwazi loluntu kunye namathuba okubambisana noomasipala.

Injongo kukuqinisa intsebenziswano phakathi koomasipala kunye namajelo eendaba oluntu ngelixa kuphononongwa amathuba axhasa ukukhula kunye nokuzinza kwamaqonga eendaba asekuhlaleni kwisithili.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
15 ° C
15 °
15 °
74 %
3.9kmh
9 %
Mon
14 °
Tue
24 °
Wed
32 °
Thu
34 °
Fri
32 °

EZITHANDWAYO INDABA