Iqela lezopolitiko iDemocratic Alliance (DA) eMpuma Koloni ingenise izikhalazo ezingaphezu kwamashumi amathathu anesibhozo amawaka (38 000) kuMphathiswa wezoBugcisa neNkcubeko, uGayton Mckenzie, malunga notshintsho lwamagama eendawo kwiidolophu ezintlanu (5) kweli phondo.
Ngokwengxelo yabeendaba ze SABC iqela lithi utshintsho lwamagama lwenziwe ngaphandle kokubonisana ngokufanelekileyo nabemi beendawo ezichaphazelekayo.
Ithi utshintsho lwamagama oluchasiweyo luquka ukutshintshwa kwegama leGraaff-Reinet libe yiRobert Sobukwe Town, iAberdeen ibe yiXamdeboo, iAdendorp ibe yiBishohp Limba, iEast London ibe yiKuGompo City kunye neBarkly East ibe yiEkhephini.
Ilungu lePalamente ye-DA kunye noMphathiswa wezoBugcisa neNkcubeko uLeander Kruger uthi iofisi yoMphathiswa iqinisekisile ukufunyanwa kwezi zicelo.
“NgokweMithetho yamagama eendawo kazwelonke, umphathiswa kufuneka aphendule kumntu ngamnye ochaza izigqibo zakhe kwaye izizathu zalo mbuzo kukuba ezi zikhalazo zinkulu ziziphumo zomzamo wabantu kuzo zonke ezi dolophu abemi kunye ngokuchasene notshintsho lwamagama olungafunekiyo oluvunyiweyo ngaphandle kokubonisana ngokufanelekileyo, i-DA ixhasa ukulungiswa noxolelwaniso, kodwa utshintsho lwamagama olungakhange luboniswe kakuhle alubamanyanisi abantu.” itshilo ingxelo ekhutshwe lijelo lezeendaba zeSABC
Zisabetha-bethana izimvo malunga notshintsho lwamagama eendawo eMzantsi Afrika

