OPERATION SPAZA THOBELA
13 August 2022
Umasipala ombaxa waseBuffalo City uyaqhuba nephulo lokugqogqa iSpaza okanye iivenkile ukuqinisekisa ukuba iindawo zokutya ziyayithobela imithetho yezempilo nokhuseleko. Izolo eliphulo lityelele iivenkile ezingaphaya kwamashumi amabini(20) kwaWadi 47, eQuigney eMontiIivenkile ezilithoba(9) ziye zavalwa ngezizathu ezahlukeneyo ngelixa ezingamashumi amabini(20) ziye zanikwa iimpepha zezaziso zokuthobela.
Ezi venkile ziquka ivenkile ethengisa amanzi, indawo yokuhlamba iimpahla, isalon yobuhle, indawo yokulungisa iimoto(panel beater) kunye nendawo yokuzonwabisa. ICandelo loCwangciso lesiXeko lichonge izakhiwo ezilishumi elinesithandathu(16) ezingekho mthethweni ekufuneka zilandelwe kwaye zihlawuliswe ngezaziso.
Ezinye ezilithoba 8 zeZaziso zeCandelo lama-56/zoLwamkelo lwezohlwayo zolwaphulo-mthetho zikhutshelwe amashishini aqhuba ngaphandle kweeLayisenisi. Eliphulo libambe ukutya obekungafanelanga kutyiwa ngabantu okuquka iimveliso zobisi lweentsana, iimbotyi eziphelelwe lixesha, ii-ertyisi eziphelelwe lixesha kunye nenyama ephelelwe lixesha.
IiNkonzo zeRhafu yoMzantsi Afrika (i-SARS) iye yahlola amaShishini angamashumi amabini anesithathu(23), ali-10 abhalisiwe kwa-SARS kwaye ayi13 akabhaliswanga.
Olugqogqo luqhutywe yiNkonzo yezeMpilo kaMasipala kunye namaSebe ahlukeneyo eBCM kunye neeNkonzo zamaPolisa aseMzantsi Afrika,uSARS, iSebe lezeNgqesho kunye nezaBasebenzi, iMicimbi yezeKhaya egxile kwiindawo zokutya ezibandakanya iivenkile zespaza, i-chissa nyama njalo-njalo.





