Umrhanelwa ubanjiwe kwaye wafunyanwa nompu osetyenziswe kwisiganeko sokudutyulwa kwentombazana eneminyaka emihlanu(5) ubudala yaseBETHELSDORP
12 August 2022
Iinzame ezimandla zabacuphi beNkonzo yesipolisa eMpuma Koloni kunye neqela le(Anti-Gang Unit)zize neziphumo ezintle nezibangele ukuba kubanjwe indoda eneminyaka engamashumi amabini anesibini(22) ubudala kunye nokufunyanwa kwesixhobo sokubulala.
Abacuphi bebesebenza ubusuku nemini bezama ukufumanisa iimeko ezijikeleze ukudubula kubulawe intombazana eneminyaka emihlanu(5) ubudala yaseBethelsdorp.
Njengoko uphando beluqhubeka, kuvele ulwazi lokuba ngoLwesine,umhla we11/08 phakathi kwentsimbi yokuqala(13: 00-14:00) ukuya kweyesibini, abantwana abathathu ingamakhwenkwe amabini aneminyaka emi-6 ubudala kunye nentombazana eneminyaka emihlani, babedlala ngompu kwigumbi elithile kwindlu ephakathi eExtension 31. Kulapho ke umtwana oyintombazana ethe wadutyulwa ngomye kwaba bangamakhwenkwe.
Abacuphi kamva bafumanise ukuba inkwenkwe kunye nentombazana ngabazala(cousins) hayi umntakwabo njengoko kwakuxeliwe ekuqaleni. Enye inkwenkwe ingumhlobo wabo.
Le ntwazana yasiwa esibhedlele ngenqwelo yezigulana kodwa yabhubhela khona ngenxa yokwenzakala kwayo izolo.
Kweli nqanaba, akucaci ukuba ngomphi kwababafana odubule intombazana ngempazamo.
Emva kokulandela imikhondo emininzi, malunga nentsimbi yeshumi elinanye(10:50) ngale ntsasa yayizolo(12/08/22) amalungu eYunithi ye-Anti-Gang abambe indoda eneminyaka engamashumi amabini(22) ubudala eCleary Park. Uvalelwe ngesityholo sokwayisa umsebenzi wobulungisa. Amalungu eAnti-Gang Unit nawo awufumene umpu, ivolovolo, ekutyholwa ukuba wawusetyenziswe xa kudutyulwa. Umpu ufunyenwe kwindawo evulekileyo kumbhobho wamanzi phakathi kweExtension 21 kunye ne31.
Amapolisa kwakho avule ityala lokubulala ngokungenanjongo kunye netyala ngokoMthetho woLawulo lweMipu (Firearms Control Act), icandelo 119 elifundwa no-120(1)(a) ngokuthi umntu usilele ukuthobela uxanduva lokuqinisekisa ukuba umpu okanye iimbumbulu aziyenzi. ngena kwizakhiwo kunye nangokwemigaqo ye-120(2)(a) yokuba umntu usilele ukuxela ubukho bompu okanye iimbumbulu emntwini ngokungekho mthethweni.
Umpu uya kuthunyelwa kwi-ballistics ukuze uhlalutywe. Ubunini buza kuqinisekiswa.
Uphando luyaqhuba.

