By Nontando Ntsevu.
Ngomgqibelo umhla wamashumi amabini (22) kuSeptemba 2024, iMagwa Tea Estate yaseLusikisiki ibibambe umnyhadala wesibini waminyaka le othi “Uthando LwamaMpondo”, noququzelelwa yiBOC Mass Wedding. Umsitho walo nyaka wakhelwe phezu kwempumelelo yomnyhadala wokuqala ngoMatshi ka-2023, obonisa izithethe ezidlamkileyo zamaMpondo ngeli lixa ujongene nemiba ebalulekileyo yentlalo, ingakumbi ubundlobongela obusekelwe kwisini.
Lo mnyhadala ubonise uluhlu lwemisebenzi, kuquka i-BOC Mass Wedding, apho izithandani ezimbini ezivela kwimvelaphi ehluphekileyo zizimanye ngeqhina lomtshato bezalisekisa iphupho labo. Umboniso weSimpondo weFashoni uqaqambise ubutyebi bempahla yamalaphu kuluntu lwamaMpondo, nabayili betalente abasibhozo bebonisa ingqokelela emangalisayo ekhuthazwa yinkcubeko yesiMpondo.
Abazimasi baye bachongwa kwintente yomboniso elungiselelwe amaso eSimpondo kunye nemisebenzi yezandla, nto leyo evumela amagcisa asekuhlaleni ukuba akhazimle. Lo mnyhadala ubuzele ngumculo, umdaniso, nemincili, nalapho bekudlala khona uDj Nhunhuza, amagcisa enkcubeko, abakhweli bamahashe, kwaneemvumi zamaculo akudala. Umjuxuzo wasemva komcimbi ugqibelise ngomoya ophezulu kwade kwasebusuku apho bekusonwabisa iimvumi nooDJ bengingqi.
Umnyhadala othi Uthando LwamaMpondo ujonge ukuxhobisa uluntu nokukhuthaza ukhenketho lwasekuhlaleni. Abaququzeleli banombono wekamva apho ulutsha lwamaMpondo lubona ubuhle bendawo olungqongileyo, lukhetha ukuhlola nokubhiyozela isizwe sabo endaweni yokutyelela kwiindawo zeholide kwezinye iindawo. Lo mbono ulungelelaniswe nenjongo yomnyhadala yokushukuxa imiba ecinezelayo yezentlalo nokukhuthaza umanyano lwenkcubeko.
Umseki weBOC Mass Wedding, uNwabisa Wopula, ubethelele ukubaluleka kwalo mnyhadala ekulweni ubundlobongela obusekelwe kwisini.
“Sizibophelele ekudaleni iqonga elingapheleli nje ekubhiyozeleni inkcubeko yethu kodwa lijongane nemiba ebalulekileyo yentlalontle,” utshilo.
Umnyhadala “Uthando LwamaMpondo” uzibethelele indawo yawo njengomsitho obalulekileyo kwikhalenda yenkcubeko yeMpuma Koloni, ukhuthaza umanyano, ukuxhotyiswa kwanenkcubeko

