Abalandeli bebhola ekhatywayo kweli loMzantsi Afrika bade bayifumana impendulo ngokubhideka malunga nemidlalo emibini, oweBafana Bafana noweNdebe yamagqibela kankqoyi yeNedbank.
Oku kubhideka kwabalandeli kusemva kokuba kubhengezwe ukuba amagqibela kankqoyi wendebe yeNedbank azakudlalwa ngomhla wokuqala kwinyanga ezayo inyanga yeSilimela. Ngexesha lokubhengezwa abalandeli bebhola ekhatywayo bebesazi ukuba umdlalo weBafana uzakuba ngomhla wesithathu kwinyanga ezayo kodwa iSouth African Football Association (SAFA) ngokwesithethi sayo iye yakucacisa konke.
Ngokwengxelo yombutho webhola ekhatywayo weli iSAFA, oku kubhideka kwabathandi bebhola ekhatywayo kwenziwe kuba kubhengezwe umhla wokuqala kwemidlalo phantsi kombutho webhola ekhatywayo kwihlabathi iFIFA, nalapho kubekwe umhla wesithathu ukuya kumhla weshumi elinanye wenyanga ezayo yeSilimela njengekhefu apho kunokudlalwa imidlalo yehlabathi.
Ukhumbule ukuba ngomhla wokuqala kweyeSilimela kuqubisana iMamelodi Sundowns neOrlando Pirates kumagqibela kankqoyi wendebe yeNedbank kwibala iMbombela eMpumalanga. IBafana Bafana ithathana nelizwe laseNigaria iiSuper Eagles eLagos kwelaseNigeria ngomhla wesixhenxe kulenyanga izayo, iphinde iqubisane neqela laseZimbabwe iiWarrious ngomhla weshumi elinanye kwakwinyanga ezayo, lowo umdlalo uzakube udlalelwa apha eMzantsi kwibala lebhola ekhatywayo laseFreystata eBloemfontein, icacise loo ngxelo iSAFA ngesithethi sayo uMnanawa Ntloko.
Bekusoloko kukho ukungaqondi nokubhideka kubalandeli bebhola ekhatywayo beli loMzantsi kuba kukho lomdlalo wamanqam wendebe yeNedbank ngomhla wokuqala kwinyanga ezayo kube kukho nalomhla wesithathu weFiFA, babe becinga ukuba iBafana idlala ngomhla wesithathu.
Iqela lebhola ekhatywayo leli iBafana Bafana yayiqala kakuhle lemidlalo yayo yokuzibekela indawo kwimidlalo yendebe yehlabathi ngonyaka ka2026 eMelika ngokubetha iSudan ngamanqaku amabini kwelinye (2-1) ngenyanga yeNkanga kunyaka ophelileyo, kodwa abafana bakaBroos baphoxwa liqela laseRwanda ngethuba libethwa ngamanqaku amabini eqandeni (2-0).
IBafana yaqhuba kakuhle kwindebe yaseAfrika yafumana ukunconywa nangona yayingathenjwanga. Eli qela libuyela eBloemfontein okokuqala oko lagqibela ngendebe yehlabathi ka2010 neyayibanjelwe kweli phantsi kombutho iFIFA ngethuba bebetha iqela lebhola ekhatywayo laseFrance ngamanqaku amabini kwelinye (2-1).
Ukhumbule ukuba nguPercy Tau weAl-Ahly noKhuliso Mudau weSundowns abafaka amanqaku ngethuba iBafana izibethela iBenin ngamanqaku amabini kwelinye (2-1) kwibala iMoses Mabhida eThekwini phambi kokuba ibethwe yiRwanda eButare kwelaseRwanda.
By Siphiwo Boqwana

