Kudutyulwe kwabulawa umrhanelwa omnye, kwangxwelerheka abathathu eGqeberha.

Amapolisa aseNelson Mandela Bay adubule abulala umrhanelwa ze angxwelerha abanye abathathu kulandela ukudubulana okwenzeke Kwazakhele ngoLwesine umhla wesibhozo kuCanzibe.

Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthi amalungu ecandelo elijongene nolwaphulo-mthetho eNew Brighton bebekwipatroli kwindlela yaseMbilini emva kwemini ngethuba bebona imoto yohlobo iHyundai i20 egrey ngoku mbala ekuthiwe ibiwe eKwadwesi.

Uthe xa amalungu esipolisa ejikeleza emva kokubona abarhanelwa ekutyholwa ukuba bakhuthuza umntu esitalatweni, abarhanelwa baqhube isithuthi bahamba namapolisa alandela ngokusondeleyo.

UNaidu uthe xa isithuthi sijika kwisitalato iStofile, amapolisa aye azama ukusimisa, kodwa imoto yabaleka kwaza kwadutyulwana ngabarhanelwa namapolisa.

Uthi amapolisa ngexesha edubula umqhubi wemoto akazange akwazi ukuyilawula waphuma endleleni.

“Abarhanelwa abathathu bebenamanxeba okudutyulwa kwaye omnye wabhubha.

“Kufunyenwe imipu emithathu, iiselfowuni ezintlanu kunye nesithuthi esibiweyo. Amapolisa axakekile ekhangela ukubandakanyeka kwabo kolunye ulwaphulo-mthetho kumasipala ombaxa,” utshilo uNaidu.

Uthe abarhanelwa abathathu abonzakeleyo kulindeleke ukuba bavele kwinkundla kamantyi yaseNew Brighton kungekudala.

UMkomishinala weSithili, uNjengele Vuyisile Ncata, uncome la malungu ngesenzo sawo, esithi ukufunyanwa kwemipu nokuhluthwa kwesithuthi ebesibiwe buqaqambisa ubunzulu bogrogriso olubangelwa ngabaphuli-mthetho.

“Kuyabonakala ukuba aba barhanelwa bebexhobile, kwaye babeke ingozi enkulu kuluntu lwethu,” wongeze watsho.

 

By Zimbini Mdolomba

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA