Owayesakuba lilungu le-EFF ePalamente uDr Mbuyiseni Ndlozi, uthethe phandle kudliwano-ndlebe ebelupapahswe namhlanje kwijelo leendaba le-SABC, ekwachaza izizathu zokuba angabonakali phakathi kwamanye amalungu e-EFF, ingakumbi kwinkomfa ibibanjwe ngeyoMnga 2024. UNdlozi udiza ngelithi wayalelwa ukuba ahlale endlini angabonakali kwiindibano ze-EFF de uphando olwenziwayo ngaye luqukunjelwe.
UNdlozi uthi isizathu sokuba abeke iintambo phantsi kukuba oluphando lwenziwayo ngaye alunasihlahla. Ukwathe uyekile kwaphela ukuba yinxalenye yezopolitiko, hayi kwi-EFF kuphela.
Ukuhlaliswa kwakhe phantsi kuza emva kwezItyholo zokuba uNdlozi wayesazi ngokuyeka kukaFloyd Shivambu kwi-EFF eyokuzibandakanya ne-MKP.
“Ndanqunyanyiswa malunga neeveki ezintandathu phambi kwenkomfa ye-EFF kwaye ukunqunyanyiswa kwaM ibiyinto engaqhelekanga ngoba ibingahambelani nomgaqo-siseko we-EFF. Babanga ukuba ndiyinxalenye yeqhinga lokungenelela kwe-MK Party kwi-EFF kwaye okwesibini kukuba ndandisazi ngokumka kukaShivambu,” utshilo.
UNdlozi ucacisile ukuba yena akanazo injongo zokuzibandakanya ne-MKP ekhokelwa ngowayesakuba nguMongameli uJacob Zuma.
“Ndingabeka ngokucacileyo ukuba andizange ndicebe ukuzibandakanye ne-MKP, zange ndisebenzisane namntu kwi-MKP malunga namahem-hem okushiya kwam i-EFF.
“Olu lwazi banalo lusekelwe phez’ kobu xoki. Ewe, ndandiyazi ukuba uFloyd Shivambu uyahamba, wayendixelele, kwaye ndamxelela ukuba makaxelele iinkokheli ze-EFF, wenza njalo,” utshilo uNdlozi.
UNdlozi wongeze ngelithi: “Imbono yokuba ngendamjikela ngasemva ndiyokwazisa abanye abantu, okanye iinkokheli loo nto ingathetha ukuba ndiyimpimpi, ndingumamgobhozi okanye umxabanisi, andizizo zonke ezonto mna.”

