22.2 C
King William's Town
Wednesday, March 26, 2025

I-Reopix eFort Jackson L.P.G uzisa inkonzo zokuvala isikhewu sokunqongophala kwendawo zeRhasi eMonti.

Iziko loSasazo lweRhasi liSekelwe ukuTshintsha intlalo nentswela-ngqesho, eMonti.

Kwinyathelo lokuqala, i-Reopix Energy kungekudala iza kubhengeza ukusekwa koMzimveliso wayo wokuZalisa eFort Jackson – L.P.G Filling Plant, nto leyo ephawula isiganeko esibalulekileyo njengeziko lokuqala ngqa lokuhambisa irhasi eliphethwe ngabantsundu eMzantsi Afrika. Eli ziko limiselwe ukuguqula imeko yokuhanjiswa kwamandla, lizise amathuba amatsha kuluntu olujikelezileyo kwaye libonelela ngeqonga elikhethekileyo kwabo banqwenela ukuba ngoosomashishini.

“Ukusekwa koMzimveliso wokuFakwa eFort Jackson akukhona nje ukusasaza irhasi; kukubuyisela abantu amandla,” utshilo uMnu Njokweni, usihlalo wesigqeba.

Lo mzi-mveliso wokuzalisa irhasi uzakusebenza njengendawo yokubonelela ngerhasi, unika ithuba kubemi boMzantsi Afrika ukuba babe ngabathengisi berhasi enikezelwa kweli ziko. Eli phulo lijolise ekuxhobiseni amashishini asekuhlaleni, ukudala imisebenzi, nokukhuthaza ukukhula koqoqosho phakathi koluntu olungamelwanga ngokwaneleyo.

Ethetha ngokubaluleka kolu phuhliso, uPrice Njokweni wabelane ngemincili anayo ngefuthe elincomekayo eliya kuba nalo eliziko eluntwini.

Kwicala lobuGcisa nezaKhiwo, uDakalo Mamuremu, uMphathi wesiGqeba e-Reopix, uxoxe ngophuhliso olubanzi olwenzeka kwisiza sase-Fort Jackson, nezakuthi sigcine umzi-mveliso omtsha.

“Inkqubo yophuhliso lwesiza ibe luhambo olucokisekileyo nolunika umdla. Sisebenze ngenkuthalo ukuqinisekisa ukuba iziseko azikho nje kuphela kwizinto ezisemgangathweni kodwa zinamandla kwaye zinobunzima bokuhlangabezana neemfuno zexesha elizayo, ” wachaza uMnu Mamuremu.

“Iziko lenzelwe ukuba lisebenzise amandla kwaye lizinzile, liqinisekisa ukuba sihlangabezana nemigangatho ephezulu yokhuseleko kunye nokhathalelo lokusingqongileyo. Esi siza siza kusebenza njengomzekelo kumaziko okusasaza irhasi kwixesha elizayo, hayi eMzantsi Afrika kuphela kodwa kwilizwekazi liphela.”

UMnu. Mamuremu waphinda waqaqambisa ukuba uphuhliso lomzimveliso lukwabandakanya ukudalwa kwemisebenzi ebalulekileyo kulo mmandla.

“Ukususela kwisigaba sokwakha ukuya kwimisebenzi eqhubekayo, lo mzi-mveliso uza kubonelela ngengqesho efuneka kakhulu, ngakumbi kwabo banomdla kwicandelo lezamandla. Le projekthi ikhuthaza ukukhula koqoqosho.”

Omnye wemiba enomdla kakhulu yesi sixhobo sitsha kukukwazi ukuguqula ubomi bosomashishini. Inkqubo yabathengisi iya kubonelela abantu ngethuba lokuthenga irhasi ngokuthe ngqo kweliZiko lokuZalisa kwaye bayithengise phakathi koluntu lwabo, bavule indlela entsha yengeniso kunye nokukhuthaza umoya woshishino.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
22.2 ° C
22.2 °
22.2 °
40 %
3.6kmh
0 %
Wed
25 °
Thu
23 °
Fri
25 °
Sat
29 °
Sun
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks