15 C
King William's Town
Friday, October 3, 2025

Umdlwengule, emxhaxha de wamkrolonqa amehlo umtwana(16)

Inkonzo yesipolisa yaseMount Ayliff ejongene nobuNdlobongela kuSapho, ukuKhuselwa kwaBantwana kunye neSexual Offences licela uncedo kuluntu ngolwazi olungakhokelela ekubanjweni komrhanelwa ekutyholwa ukuba uyabandakanyeka kudlwengulo lowasetyhini oneminyaka elishumi elinesithandathu(16) ubudala ofunyenwe ecaleni kwendlela kufuphi nehlathi, malunga nentsimbi yesithathu malanga(15:00) ngoLwesihlanu umhla we15 kuTshazimpuzi ka-2022, kwiNdawo yaseCabazana, eMount Ayliff.

Ngokweenkcukacha ezivela kwiNkonzo yesipolisa, lomtwana uselula ebesendleleni egodukayo ngethuba erhuqelwa kwihlathi elikufutshane ngumrhanelwa oyindoda ongaziwayo, nothe wamdlwengula.

Kukwavakala ukuba umrhanelwa akaphelelanga apho, koko uqhubekile nokumhlaba ngemela emxhaxha ingakumbi kumzimba wakhe ongasentla.

Okubuhlungu kukuba umhlabe de kwaphuma iingcambu okanye imithambobyamehlo ngaphandle ntoleyo ekhokelele ekubeni umtwana angabisakuba nakubona.

Kuko konke oko uye wancedwa ngumntu obedlula ngendlela nothe owatsalela umnxeba amalungu osapho lwakhe kunye nenqwelo yezigulana nethe yamsa kwisibhedlele esikufutshane ukuze afumane unyango.

Okwangoku akukho lwazi malunga nokuba ngubani umrhanelwa. Nangona kunjalo, uphando lwamapolisa luyaqhubeka. Ityala lodlwengulo kunye ne(Assault GBH) libhalisiwe kwaye okwangoku akukho mtu ubanjiweyo.

UMkomishinala wePhondo uLieutenant General Nomthetheleli Mene uvakalise umothuko ngesi siganeko sikhohlakeleyo kwaye ngenxa yoko, uyalele igqiza labaphandi abaqeqeshwe kakhulu baseMt Ayliff ukuba balandele umkhondo, bakhangele kwaye bafumane umenzi wobu bubi ngakulomtwana uselula.

Kuyacelwa nabani na onokuthi akwazi ukuncedisa kuphando ngokwabelana ngolwazi oluya kukhokelela ekubeni abonwe kwaye abanjwe umrhanelwa ukuba aqhagamshelane nomcuphi, uDetective Warrant Officer Thembelani Jackson Mgoqi ku-072 731 2498 okanye atsalele umnxeba kwi-Crime Stop 08600 10111. .

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
15 ° C
15 °
15 °
62 %
5.5kmh
93 %
Fri
15 °
Sat
32 °
Sun
23 °
Mon
26 °
Tue
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks