18.6 C
King William's Town
Saturday, October 12, 2024

Side sabanjwa isigila-mkhuba esidlwengule ze zaxhaxha umtwana de kwaphuma amehlo kwiveki ephelileyo.

Ukuqhwabele izandla ukubanjwa komrhanelwa eneminyaka engamashumi amabini anesithathu – uMkomishinala wamapolisa

UMkomishinala wamapolisa ePhondweni uLieutenant General Nomthetheleli Mene ukuqhwabele izandla ukubanjwa kwendoda eneminyaka engamashumi amabini anesithathu ubudala, nesolwa ngokudlwengula ze ihlasele kanobom intombazana eselula.

Iingxelo zidiza ukuba intobazana eneminyaka elishumi elinesithandathu ubudala yathi yadlwengulwa, yahlaselwa ngomhla weshumi elinesihlanu kuApril walo umiyo unyaka. Esi siganeko sehla kwilali iCabazana, Emaxesibe (Mount Ayliff).

Abakwantsasanabathi lentwazana yayisendleleni esingise ekhaya ngethuba yatsalelwa kwityholo ekukufutshane ngumrhanelwa nalapho athe wayidlwengulela khona.

Kukwasolwa nokuba umrhanelwa waye walihlaba ixhoba eli kumzimba ongasentla manxeba lawo abangela ukuba ixhoba lishiyeke lingaboni ngamehlo. Le ntwazana yancedwa ngabantu abadlula ngendlela nabathi bazisa usapho kwandulwa ukutsalelwa umnxeba inqwelo yezigulane, nayathi yayisa kwisibhedlele esikufutshane.

Urhanelwa ubanjwe emva kweveki sehlile esi siganeko, kwaye kulindeleke ukuba avele kwinkundla kaMantyi yaseMaxesibeni ngoMvulo, ejongene netyala lokudlwengula nelokubetha ngenjongo zokwenzakalisa.

Ingxelo: Mncedi Mbombo

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
18.6 ° C
18.6 °
18.6 °
78 %
1.5kmh
7 %
Sat
18 °
Sun
31 °
Mon
18 °
Tue
18 °
Wed
31 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks