ISebe lezoThutho leSizwe namhlanje libhengeze ukuchongwa kwe-IDEMIA Identity and Security – uMzantsi Afrika njengendawo ekhethwayo yokuvelisa amakhadi amatsha elayisensi yokuqhuba. Ukuqeshwa kwamkelwe ngomhla wesibhozo kweyeThupha 2024.
I-IDEMIA kulindeleke ukuba ingene kwisivumelwano somgangatho wenkonzo nesebe ngexesha elifanelekileyo phambi kokuba iqalise ngomsebenzi wayo wokubeka iziseko zophuhliso kunye neenkqubo. Ulwazi oluthe vetshe ngokwamaxesha aya kuthi emva koko lufumaneke eluntwini emva kokuba isivumelwano senkonzo sityikityiwe.
Ikhadi elitsha lelayisenisi liza kubandakanya iimpawu ezintsha zokhuseleko ezijolise ekupheliseni imingcipheko ehlala inyuka yeelayisensi zokuqhuba zobuqhophololo kunye nezomgunyathi.
Ukuthathela ingqalelo iindleko zokuqhuba iphepha-mvume lokuqhuba kunye nomngcipheko worhwaphilizo nobuqhophololo, iphepha-mvume elitsha lokuqhuba liya kuqhubeka lisenziwa kwindawo esembindini.
ISebe laqalisa inkqubo yokufumana umniki-nkonzo onentengiso yethenda kwi-portal yethenda karhulumente ngomhla wesi-5 kuTshazimpuzi ka-2023, eyavalwa nge-5 kaCanzibe 2023.
Oku kubangele iimpendulo ezintlanu zabaniki-maxabiso ezithe zafunyanwa kwaye zaphantsi kwenkqubo ecokisekileyo neselubala yovavanyo kunye nokugweba yikomiti yokhuphiswano ngamaxabiso. Ikwaphantsi kolawulo lweprobity/yophicotho-isigqibo sokuba zonke iinkqubo bezithobela imithetho nemigaqo-nkqubo emiselweyo.
NgoLwesihlanu, umhla wama-30 kweyeThupha 2022, iKhabhinethi yoLawulo lwesiThandathu (6) yamkele isindululo seSebe sokuvelisa ikhadi elitsha lelayisenisi yokuqhuba lelizwe.