By Buhle Nomgalasa.
Ngokwengxelo iEye Witness News, uSiseko Maposa ulichaze inyathelo lombutho wezopolitiko lokurhoxa kwingxoxo yesizwe kunye nokwala ukuvota kuhlahlo lwabiwo-mali lwesebe njengokungakhathali, esithi oko kungenza kube nefuthe elibi kubemi belizwe.
UMhlalutyi wezoPolitiko ulumkise ngelithi isigqibo seDemocratic Alliance (DA) sokurhoxa kwiNgxoxo yeSizwe kunye nokwala kwayo ukuvota kuhlahlo lwabiwo-mali lwesebe singaphazamisa kakhulu ukuhanjiswa kweenkonzo.
USiseko Maposa ulichaze njengesenzo sokungakhathali esi senzo sombutho wezopolitiko, esithi kungenzeka sibe nefuthe elibi kubemi belizwe.
Iintetho zikaMaposa zilandela isibhengezo seDA kwimpelaveki sokungaxhasi iivoti zohlahlo lwabiwo-mali olubandakanya abaphathiswa abatyholwa ngobuqhophololo.
Umhlalutyi wezopolitiko ulumkise ngelithi, ukungavisisani kwezopolitiko phakathi kweDA kunye noMongameli Cyril Ramaphosa kungaqinisa iyantlukwano kuRhulumente woManyano lweSizwe (GNU) kwaye kulibazise imisebenzi ebalulekileyo karhulumente.
“Amaqhinga abo yinto yokuba abayihoyi eyona nto bayikhathaleleyo abemi boMzantsi Afrika, kuhlumo loqoqosho, inguqu nolawulo olusebenzayo.”
Kwiveki ephelileyo, uRamaphosa ugxothe uSekela Mphathiswa wezoRhwebo, uShishino noKhuphiswano u-Andrew Whitfield kuhambo lwakhe lwamazwe ngamazwe olungavunyelwanga.
I-DA iphendule ngoLwesine ngokunika uRamaphosa isindululo seeyure ezingamashumi amane anesibhozo (48) sokugxotha abaphathiswa abatyholwa ngobuqhophololo.
Ukungasebenzi kukaRamaphosa kukhokelele ekubeni iDA isoyikise ngesindululo sokungamthembi umongameli, phakathi kwezinye izinto.

