7.4 C
King William's Town
Saturday, July 19, 2025

Abafundi nabazali abawuvali umlomo emva komsitho obuyimpumelelo weSilulo namhlanje.

By Siphiwo Boqwana.

Isikolo esaziwayo iSilulo Ulutho Technologies ibibambe udlwabevu lomsitho wothweso iziqinisekiso zemfundo kumasebe amathathu (3) aseKomani namhlanje umhla wokuqala (01) kwinyanga yeKhala 2025 kwiholo yeCawa yaseKomani ejomgene ngqo neCasino yaseKomani.

Iholo eli bekuqhutyelwa kulo lo msitho beligcwele limi ngeembambo, abazali bebephume ngonina beyokuzibonela abantwana babo xa benxityiswa izivatho zabo kwiziqu zemfundo kwizifundo ezahlukeneyo.

Umfanekiso: Umfundo ofumene othweswe isidanga namhlanje uErnique Donna Platjies kunye nomzali wakhe, nomseki weSikolo iSilulo Ulutho Technologies, uMnumzana Lonwabo Rani.

Abafundi ebebethweswa iziqu bebephuma kmase aseKomnani amathathu. Izifundo ebezifundelwa ibiyiComputer Digital Literacy ne-Office Practice.

Kuwongwe abo baye bagqwesa kumasebe ohlukeneyo, kwisebe lokuqala kuwongwe othe wabalasela waphuma emagqabini u-Inam Ntwexu nothe wathiwa jize ngemfundo yasimahla exabisa amawaka amathandathu (R6000) eerandi, ukutsho oko uzakufunda simahla.

Kwisebe laseSilulo Ulutho Technologies kwisebe lesibini, ogqwesileyo ibe nguErnique Donna Platjies naye uthiwe jize ngemfundo esimahla. Kwisebe lesithathu kugqwese uViola Silwana, yena uphume phambili kwizifundo zeComputer Digital Literacy.

USibusisiwe Siphumelele Kwala ugqwese kubo bonke uye wangumakhwekhwetha ophumizandla ebetha onke lamasebe mathathu aseKomani phantsi kweSilulo Ulutho Technologies. USibusisiwe Kwala wenze izinto zamehlo ngethuba egqwesa ngokuphuma emagqabini kuzo zonke izifundo ebethabatha kuzo inxaxheba ebhulela amasaka bonke abafundi kulamasebe mathathu eSilulo.

Kubekho nomfundi owenze esona sifundo sakhe sibalulekileyo nesibizwa ngokuba yiCyber Security nasenze ehleli endlini nekulindeleke ukuba imenzele izinto zamehlo kwikamva lakhe. Lo mfundi wenze esisifundo sibaluleke kangaka nguUnathi Mphathi.

Omnye wabafundi abathe bafumana iziqinisekiso zemfundo uthe wenza intetho enika umdla kubanye abafundi lowo ibe nguMihlali Dyantyi noye wancoma etyibela umfundisi ntsapho wakhe emncoma ngendlela afundisa ngayo nangokuba nyamezela phantsi kweemeko ezohlukeneyo.

Nabanye abafundi bazeke mzekweni ngethuba bencoma betyibela indlela abayibize njengempatho ntle encomekayo nekhuthazayo ngethuba lezi zifundo.

Umphathi omkhulu noyingqonyela yeSilulo Ulutho Technologies uLonwabo Rani naye wenze udlwabevu lentetho ekhuthazayo nenike umdla kubazali nakubafundi nalapho ebalisa ngendlela eze ngayo uSilulo Ulutho Technologies. Ingqonyela ayiphelelanga ekuthembiseni, iye yanikezela ngamaqithiqithi emfundo yasimahla kubafundi abathe bagqwesa.

Oluthweso leziqinisekiso zeemfundo ezohlukeneyo luqalile namhlanje luzakuqhuba kude kube ngoMgqibelo umhla wesihlanu (05) kulenyanga yeKhala 2025. Ngabafundi abaliwaka elinamakhulu amane (1400) abazakunikwa iziqinisekiso zemfundo yiSilulo kuleveki kwiMpuma Kapa jikekele. Lo msitho uyaqhuba ngomso, eGqeberha.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
7.4 ° C
7.4 °
7.4 °
86 %
2kmh
0 %
Sat
19 °
Sun
27 °
Mon
18 °
Tue
20 °
Wed
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks