Umisiwe uMnyhadala weAfrika Unite ngenxa yenkxalabo yokushokoxeka kwezokhuseleko.

Umnyhadala weAfrika Unite Cultural International obekumele ubanjelwa ngoMgqibelo eMonti unqunyanyisiwe ngenxa yeqela lezokhuseleko lomasipala ombaxa elithe lashokoxeka ngenxa yomdlalo ozakube uphakathi kweChippa United FC ne-Richards Bay FC ngomhla wamashumi amabini ananye (21) kweyoMsintsi ngo2024.

Umququzeleli walomsitho, uLuzuko Khohli uvakalise ukudana kwaye uthe uyayiqonda inkxamleko eza kubangelwa yile nto kubalandeli abaninzi abathembekileyo nabasele besenza izicwangciso zokubhiyozela ilifa labo kunye nathi.

NgokukaKhohli, iintlanganiso ezininzi ziye zabanjwa kunye neqela lezokhuseleko, kwaye baye babonisana ngomceli mngeni wokushokoxeka kwamaqela ezokhuseleko kwaye bazama kangangoko banako ukuhlangula imeko kodwa akwabikho sisombululo silungela wonke umntu.

Ethetha egameni leQela loLawulo lweBala lemidlalo, umphathi webala lemidlalo uBongani Tobadi uqinisekise ukuba “ngenene iqela le-Afrika Unite liyibhukishe kwangexesha indawo kwaye amalungiselelo ayimfuneko enziwe ukuze akwazi ukusingatha imisitho yomibini ngaxeshanye. Omabini la maqela enze konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba yomibini le misitho iyenzeka kodwa ngelishwa, ngenxa yezi meko zikhankanywe apha ngasentla kuye kwafuneka uhlehliswe umsitho weAfrika Unite.

Nangona kunjalo, abaphathi bebala basajonge ukusingatha umnyhadala emva kokuqinisekiswa komhla wabo omtsha ocetywayo.”

UKhohli uthi bekunye neqela lakhe baye bamise umhla weshumi elinesithandathu (16) kaDisemba 2024 njengomhla omtsha ocetywayo wesiganeko kwaye wathembisa ukuba baye banxibelelana nabo bonke abaculi kunye nabachaphazelekayo malunga nalo mhla.

“Siya kuyigcina i-90% yoluhlu kwaye sele siqalisile ukufowunela ukubona ukuba ngawaphi amanye amagcisa esinokuwongeza ukwamkela abantu abaninzi. Kufuneka kuqatshelwe ukuba kangangoko siye sabonisana nabachaphazelekayo ngalo mhla, umhla uya kwaziswa kuphela ngaphambili emva kokuba amaqela athathelwe ingqalelo.”

Abanini bamatikiti banokukhetha ukufaka ibango lembuyekezo yamatikiti abo kwiqonga abalisebenzisileyo ukuthenga amatikiti okanye ukuwagcinela umhla weshumi elinesithandathu (16) kaDisemba ocetywayo.

“Sithetha egameni leqela lonke eliququzelela i-Afrika Unite, sinqwenela ukubulela bonke abantu abathe gqolo ukusixhasa, oku kuquka amahlakani ethu kunye nabaxhasi bethu ngezimali kwiSebe lezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko kunye ne-Arhente yeePaki nezoKhenketho eMpuma Koloni. Sikwabulela namaqabane ethu eendaba athe asinceda ekusasazeni umyalezo wethu.” watsho uKhohli.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
14.6 ° C
14.6 °
14.6 °
85 %
2.7kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA