By Anita Qubula
Abantu abaliqela bonzakele kwingozi yezithuthi ezininzi kuhola wendlela uN3 ngakwindlela ephuma eAshburton, KwaZulu-Natal. Abasebenzi beenkonzo zikaxakeka bathi le ngozi yenzeke ngale ntsasa.
Abaphathi bezothutho bacebisa abaqhubi beemoto ukuba bawuphephe uhola wendlela uN3 osingise eThekwini nanjengoko izithuthi zichaphazeleke kakhulu. Isithethi se-Advanced Life Support Paramedic, uGarrith Jamieson uthi, kutyholwa ukuba iteksi iphulukene nolawulo ngelixa isiya emantla kwaye iwele umbindi ophakathi ngaphambi kokungqubana nemoto phambi kokuba ihambe ngaphaya komqobo kwaye iqengqeleke phantsi.
Wongeza wathi, aboncedo lokuqala bafumanise ukuba iteksi ibinabakhweli ababini abathe bakutshwa kuyo kwaye aboncedo lokuqala bazame ukusindisa ubomi babo, nangona kunjalo, ukonzakala kwabo bekumandundu kakhulu baswelekela kwindawo yexhwayelo.
Bobabini abakhweli ibingamadoda ekukholelwa ukuba akwiminyaka engamashumi amathathu (30). Abaqhubi bengozi nabo bonzakele kwaye banyangelwe kwindawo yexhwayelo ngaphambi kokuba basiwe kwizibhedlele ezikufutshane ukuze bafumane ukhathalelo olungakumbi ababelufuna.