UMkomishinala wesithili sase Alfred Nzo uvakalise ulwaneliseko nombulelo kumalungu amapolisa oMzantsi Afrika.

UMkomishinala wesithili sase Alfred Nzo uvakalise ulwaneliseko nombulelo kumalungu amapolisa oMzantsi Afrika athe aqinisekisa ukuba abarhanelwa ebebandakanyeka ekubethweni luluntu (Mob Justice) e-Emaxesibeni (ebifudula ibizwa ngokuba yiMount Ayliff) ekugqibeleni bagwetyiwe.

Ngomhla weshumi elinesibini (12) kweyoMnga ka-2018, kwanikwa ingxelo yokuba, kwingingqi yaseNgonyameni kummandla wase-Emaxesibeni, usapho lakwaNtshamba lwahlaselwa lihlokondiba kwikhaya lalo apho kwabulawa amabhinqa amabini amnmyama atshiswa ngepetroli njengoko ayetyholwa ngokuthakatha ngabantu abatsha. UNothethisa Ntshamba watshiswa phambi kwabantwana bakhe egadini, logama udade wabo waleqwa wabulawa kumgama omalunga nekhulu (100) leemitha ukusuka kwikhaya laseNtshamba naye watshiswa waluthuthu. Kwatshiswa umzi kaNothethisa Ntshamba ongasekhoyo.

Ngomhla weshumi elinesine (14) kwinyanga yoMnga ka-2018, abecuphi bakwazi ukubamba abarhanelwa abasixhenxe (7) abaphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesine (24) namashumi amathathu anesibini (32) ubudala, kwaye bavela okokuqala ngomhla we-17 kweyoMnga ka-2018 kwinkundla kamantyi yase-Emaxesibeni. Banikwa ibheyile yamawaka amabini (R2000.00) umntu ngamnye.

Ngomhla wesithathu (3) kuCanzibe ngo-2024, aba barhanelwa balandelayo bagwetywa ngempumelelo kwaye bagwetyelwa amatyala amathathu okubulala kunye nokutshisa. Ngolwesihlanu umhla weshumi elinesibini (12) kweyeKhala bagwetywe izigwebo ezibini zobomi entolongweni ngokulandelelanayo ngokubulala kunye neminyaka elishumi (10) entolongweni ngokutshisa kwaye babhengezwa njengabangakufanelekeli ukuba nompu.

Aba barhanelwa amagama abo nganga:

1. ULwandiso Mzaza (29)
2.⁠Lufefe Mzaza (27)
3. Zithini Rhayiya (34)
4. Yamkela Bara Nonjojo(32)
5. Anelisa Nonjojo(28)
6. Mkhonzeni Ngcabangcosi(24)
7. Odwa Nonjojo (32)

Ngelixa encoma amalungu e-SAPS ngomsebenzi oncomekayo, uMkomishinala weSithili, uMajor General Nompumelelo Majikijela, usigxeka kabukhali nasiphi na isenzo sobulungisa ngamahlokondiba kuzo zonke iindawo zoluntu, njengoko sichaphazela ulwaphulo-mthetho kwabo banetyala. Ubongoze uluntu ukuba lube nomonde kuphando, kuba zininzi izinto ekufuneka ziqwalaselwe.

“I-SAPS inabacuphi abanobuchule abasebenza ubusuku nemini, bengashiyi nanye into eqinisekisa ukuba abenzi bobubi bayagwetywa,” uvale ngelo.

By Anita Qubula.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
13.9 ° C
13.9 °
13.9 °
93 %
3kmh
0 %
Tue
14 °
Wed
32 °
Thu
32 °
Fri
33 °
Sat
22 °

EZITHANDWAYO INDABA